1. Ngo-2004, iqumrhu leSymantec langena kwimvumelwano yentsebenziswano neSebe leMfundo likazwelonke ekwakuza kuthi ngayo zonke izikolo zikarhulumente eziseMzantsi Afrika zifumane indlela yokungena mahala kwiSymantec's computer security software (anti-virus, anti-spam ne-anti-spyware). Loo mvumelwano yaphelelwa nge-31 Matshi 2010.
2. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (national Department of Basic Education (DBE)) lingene kwimvumelwano yeminyaka emi-3 entsha neSymantec South Africa yethuba eliqalela kowe-1 Januwari 2011 ukuya kowe-31 Disemba 2013, kwaye ngoku lineekopi ze-software nee-licensing keys zeSYMANTEC ENDPOINT PROTECTION 11.0.6 MP2 Xplat EN DVD. ISebe leMfundo leNtshona Koloni sele liyifumene ikopi yale software ukuba ithunyelwe ezikolweni.
3. Izikolo zingafaka i-odolo yale khithi yemidiya ekhankanywe apha ngasentla kwa-Edumedia ngokuzalisa ifom ye-odolo eqhotyoshelweyo ukufumana iziveliso zakwaSymantec (ISIHLOMELO A). Izikolo zinokukhetha ukuya kuyithatha ikhithi yemidiya kwa-Edumedia okanye ithunyelwe ngeposi kuzo. Ii-odolo zingafakwa ukususela nge-21 Matshi 2011.
4. Akufunwa licence keys ukusebenzisa le software.
5. Ukusetyenziswa kweSymantec software kulungiselelwe kuphela iiPC ezikwizikolo zikarhulumente. Qaphela ukuba imvumelwano ayibandakanyi iiPC zootitshala ezisekhaya, zeekholeji zeFET nezezikolo ezizimeleyo.
6. Ukuba ufuna uncedo lwezobugcisa (technical assistance), kucelwa ufonele i-IT Helpdesk kule nombolo yefoni 021 900 7123.
7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane ngale foni inikwe kwiletahedi elapha ngentla.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:03:09

isiHlomelo A: "Symantec schools agreement product selection order form"  (ubukhulu: 86 KB)