1. Njengoko nisazi, iisetyhula nembalelwano ezimfutshane zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ezisuka kwaNdlunkulu zithunyelwa nge-imeyili, kodwa amaxwebhu kunye nembalelwano angenako ukuthunyelwa nge-imeyili, kwenziwa afumaneke engamaphepha. Iposi eqhelekileyo enjengeeleta, ithunyelwa ngesandla yonke imihla.

2. Ngenxa yeendleko zokuposa eziphezulu, kuza kusetyenziswa la manyathelo okonga imali alandelayo ngo-2011:
2.1 Iposi ezizixa ezikhulu (bulk mail), enjengeencwadi neephamflethi kwakunye nembalelwano angenako ukuthunyelwa kuzo izikolo nge-imeyili, iya kuthunyelwa nguRejistri ngooLwezine kuphela.
2.2 Ukuba kufuneka kuthunyelwe ezikolweni iisetyhula neengcaciso ezimfutshane ezingamaphepha okanye iposi ezizixa ezikhulu, ziya kuthunyelwa ngoLwesine wokuqala nowesithathu kwinyanga nganye, ngaphandle kokuba kuqinisekiswe ngumntu okwinqanaba lomlawuli wecandelo ukuba isetyhula okanye ingcaciso emfutshane ibhalwe umhla omiselweyo (due date) kwaye mayiposwe ngokukhawuleza. Ukuba iposi elolu hlobo kufuneka ithunyelwe ngokukhawuleza kwaye phambi komhla obekiweyo wokuposa, xa kunjalo ke ziya kuba luxanduva lwelo candelo lichaphazelekayo iindleko zokuposa.

3. Imihla ekuya kuthunyelwa ngayo iikopi ezingamaphepha zeesetyhula neengcaciso ezimfutshane neposi ezizixa ezikhulu ngawo wonke lo nyaka ka-2011 imi ngolu hlobo lulandelayo:

24 Februwari 2011 28 Julayi 2011
10 Matshi 2011 11 Agasti 2011
24 Matshi 2011 25 Agasti 2011
07 Apreli 2011 08 Septemba 2011
21 Apreli 2011 22 Septemba 2011
05 Meyi 2011 06 Oktobha 2011
19 Meyi 2011 20 Oktobha 2011
02 Juni 2011 03 Novemba 2011
15 Juni 2011 17 Novemba 2011
30 Juni 2011 24 Novemba 2011
14 Julayi 2011 01 Disemba 2011

4. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ingabhekiswa komnye waba balandelayo:

IGAMA IFONI I-IMEYILI
Ms S Maqendwana 021 467 2361 smaqendw@pgwc.gov.za
Ms M Molaba 021 467 2742 mmolaba@pgwc.gov.za

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:02:17