1. Ukufakwa kwedatha yokupasa kwabafundi ngo-2011 kwi-Central Education Management Information System (CEMIS) kuya kuba nokwenziwa ukususela ngoLwesibini we-15 Novemba 2011.

2. Le nkqubo iya kufana naleyo yonyaka ophelileyo ka-2010.

3. Kucelwa uqinisekise ukuba kuphela ngabafundi ababhalisiweyo njengangoku esikolweni sakho abavelayo kwiCEMIS.

4. Nawuphi na umfundi omkileyo esikolweni waya kwesinye isikolo makakhutshwe (be transferred out) kwiCEMI).

5. Nawuphi na umfundi otshintshele kwelinye iphondo okanye ilizwe makacinywe (be de-registered) kwiCEMIS.

6. Konke ukutshekishwa nokulungiswa (checking and correcting) kweenkcukacha zabafundi besikolo sakho kufuneka kube kugqityiwe ukwenziwa phambi kokuqala kokufakwa kwedatha yokudlulela phambili/yokupasa kwabafundi ngoLwesibini we-15 Novemba 2011.

7. Ukufakwa kweziphumo zokupasa (promotion results) ekhompyutheni (kwiCEMIS)
7.1 Ikhesa (cursor) mayijonge ku-Promotions 2011 uze uklikhe ku-Promotion Summary.
7.2 Klikha kwi-hyperlinked number of learners in grade (blue) ofuna ukufaka kuyo idatha yee-promotion results. Kuya kuvela uluhlu lwamagama abafundi bebakala elo.
7.3 Ungakhetha iqela leklasi (class group) kwibakala, ukuba ufuna ukufaka ii-promotion results zabafundi ngeklasi nganye. Kukho i-class selector kumntla wesikrini
7.4 Kukho amanyathelo amathathu okunika (allocating) ii-promotion results kumfundi okanye kwiqela labafundi.
7.4.1 Ukutshekisha umfundi (Klikha kwi-tick box ecaleni kwegama lomfundi). Iqhosha -Check all, ngentla kwamanani, likuvumela ukuba utshekishe bonke abafundi ngaxeshanye. Iqhosha u-Uncheck all lisusa iithikhi kumagama abafundi.
7.4.2 Khetha i-promotion result esebenzayo kubafundi abatshekishwayo (abakhethiweyo) (checked (selected) learners). Ezi ndidi zinokukhethwa zezi: Ready to Progress (RP), kunye no-Not ready to progress (NRP) kumaBakala 1 - 8 lo gama kuya kuvela u-Promoted (P), okanye u-Not Promoted (NP), kubafundi bamaBakala 9 - 11.
7.4.3 Klikha ku-Submit button.
7.5 Itheyibhile ipromotion summary table iya kubonisa ukuba ngaba ipromotion status inikwe bonke abafundi kusini na. Inani labafundi ekusafuneka lifumene ipromotion status liya kuboniswa ngenombolo eblowu kwikholam engasekhohlo. Xa ikholam engasekhohlo ino-0 (ziro) kwibakala ngalinye, oku kuthetha ukuba bonke abafundi banikwe i-promotion result.
7.6 Abafundi abazii-borderline cases makwaziswe ngabo uMphathi weze-IMG, banokufakwa ngokunjalo phambi kokuba inqununu idibane noMcebisi ngeze-IMG. Iinqununu ziya kubanako ukufaka iinkcukacha ezibalulekileyo ngomfundi nezithanda ukuba ziqwalaselwe nguMphathi weze-IMG xa esenza isigqibo nge-promotion result yomfundi. UMphathi weze-IMG uya kunika/kufaka ipromotion status kubafundi abazii-borderline cases.
7.7 Abafundi bebakala i-Pre-Grade R neBakala R kwiCEMIS baya kupasa bonke (be promoted automatically) baye kwibakala elilandelayo. Isikolo masibonise ukuba ngabaphi na abafundi amabaphinde ibakala ngokukhetha abafundi nokutshintsha i-progression status ibe ngu-NRP.
7.8 Inqununu mayiyilawule le nkqubo ngohlobo oluya kuqinisekisa ukuba i-progression/ promotion result efakiweyo kwiCEMIS kumfundi ngamnye ingqinelana twatse ne-result evela kwi-school progression/promotion schedule.

8. I-CEMIS progression/promotion schedule
8.1 Emva kokugqitywa kwee-promotion results zabo bonke abafundi kwibakala kwaza kwatshekishwa ukuchaneka kwazo, kungaprintwa ishedyuli yokugqibela iCEMIS promotion schedule.
8.2 Le shedyuli mayinikwe uMphathi weze-IMG kwakunye neshedyuli yesikolo yokupasa kwabafundi ischool progression/promotion schedule. Inqununu mayibenako ukubonisa uMphathi weze-IMG ukuba iishedyuli zesikolo neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules ziyangqinelana.
8.3 Makungqinwe ukuba abafundi ababoniswe njenge-NRP okanye NP kwishedyuli yesikolo bayangqinelana namagama akwishedyuli kwiCEMIS yaye bane-promotion status efanayo.
8.4 Ukuba kukho naluphi na utshintsho olwenziweyo kwishedyuli ischool promotion schedule (le yeyona shedyuli engundoqo (master schedule), ngosuku lokudibana koMcebisi ngeze-IMG nenqununu ukuba bagqibe wonke umsebenzi baze basayine (finalise and sign off) ii-school promotion and progressions, malwenziwe olo utshintsho kwangokunjalo nakwiprogram yekhompyutha i-online CEMIS promotions program.
8.5 Inqununu noMphathi weze-IMG mabazisayine zombini iishedyuli, abathi ke ngokwenjenjalo babe bangqina ukuchaneka kwamaxwebhu yaye ke oko kuwenza la maxwebhu iirekhodi ezisemthethweni zamabakala ne-progression/promotion status yomfundi ngamnye.
8.6 UMphathi weze-IMG uya kuthi emva koko avale ukusebenza kwe-progression/promotion function kwiCEMIS kweso sikolo. Lo gama ukuvala kunokwenziwa ngebakala ngalinye, iseti epheleleyo yesikolo, ischool's complete set of progression/promotion iya kuvalwa kuphela xa onke amabakala evaliwe. Isistim ikuvumela ukuvalwa kuphela xa bonke abafundi bebakala ngalinye befumene i-progression/promotion status.

9. i-SAMS: I-progression/promotion results ze-i-SAMS school learners ziya kufakwa kwiCEMIS programmatically. Isikolo sinokuprinta ishedyuli iCEMIS progression/promotin schedule emva kokuba iziphumo zokupasa kwabafundi i-progression/promotions zifakwe kwi-i-SAMS yaza inqununu yasayina i-i-SAMS. Ukusayina komphathi we-IMG iziphumo zabapasileyo ze-i-SAMS school kwenzeka kwi-Provincial i-SAMS. Oku kusayina kuyayitshixa inkqubo yokupasa yesikolo (locks the school promotion process).

10. Ukuba ufuna uncedo okanye ukubuza imibuzo, ungaqhagamshelana noMphathi weze-IMG okanye umlawuli weCEMIS kwisithili semfundo sakho okanye kwaNdlunkulu. Iinombolo zefoni ezinokusetyenziswa ziyafumaneka kwiCEMIS under the administration function. Ukukwenzela lula nazi iinombolo zabo zidwelisiwe apha ngezantsi:

ISithili seMfundo Ifoni ISithili seMfundo Ifoni
Metro Central 021 659 4333 Cape Winelands 023 348 0645
Metro East 021 900 7116 Eden & Central Karoo 044 803 8344
Metro North 021 938 3168 Overberg 023 348 0645
Metro South 021 703 3198 West Coast 021 860 1554

11. ISebe iWCED livakalisa umbulelo kuzo zonke izikolo ngokusebenza kwazo nzima nangentsebenziswano yazo kulo nyaka uphelayo kwaye linqwenelela izikolo impumelelo kwiimviwo nakulawulo lwemicimbi yokuphetha unyaka.

12. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WEZOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2011:11:11