1. Ingcaciso eMfutshane yeCandelo loKunika iNkxaso iZibonelelo zaMaziko: DIR 0004/2011 ibhekiselele koku.

2. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (national Department of Basic Education (DBE)) kutshanje likhuphe isihlomelo kwiKhathalogu kaZwelonke yeCAPS kwiBakala 10:

  • Agricultural Management Practices
  • Civil Technology
  • Dance Studies
  • Music

Kucelwa uqaphele ukuba akukho ziincwadi zezifundo esele zivunyiwe kwi-Agricultural Technology.

3. Ikopi yekhompyutha (electronic version) yeSIHLOMELO KWIKHATHALOGU KAZWELONKE yeencwadi zezifundo zeCAPS zeBakala 10 ezivunyiweyo, equlunqwe liSebe leMfundo kuZwelonke iqhotyoshelwe apha. Kuphela ziincwadi ezikule khathalogu eziya kuthengwa liSebe i-WCED ukwenzela abafundi beBakala 10.

4. Isistim ezisebenzelayo yerhikhwizishini ekwikhompyutha (automated requisitioning system) iya kuvulwa ukususela nge-5 Januwari 2012, ukulungiselela ukusetyenziswa kuphela zizikolo ezifundisa ezi zifundo kungokunje nezo zikolo ziyifumeneyo imvume yokufundisa ezi zifundo ngo-2012.

5. Kufuneka izikolo

  1. zizikhethele ngokwazo iincwadi zezifundo zazo zesifundo ngasinye seBakala 10 kwikharityhulam ye-FET yazo evunyiweyo (their approved FET curriculum);
  2. zibhale inani leencwadi zezifundo nezikhokelo zootitshala ezizifunayo, kwisihloko sencwadi ngasinye ngokususela kwinani lobhaliso lwabafundi elicingelwayo kunye nolwimi lokufunda nokufubdisa kwisifundo ngasinye ngo-2012;
  3. zifake iincwadi zezifundo ezizikhethileyo kwifom yerhikhwizishini ekumatshini kwi-CEMIS ingadlulanga intsimbi ye-16:00 ngoLwesithathu -11 Januwari 2012, ngokwala manyathelo alandelayo alapha ngezantsi:
    INyathelo 1: Loga kwi-CEMIS.
    INyathelo 2: Khetha u-"Administration" kwiMenyu.
    INyathelo 3: Klikha ku-"CAPS GR 10 Order" kwi-drop-down box.
    INyathelo 4: Klikha ku-"GR 10".
    INyathelo 5: Khetha isifundo kwi-dropdown box.
    INyathelo 6: Faka inani leencwadi zezifundo nezikhokelo zootitshala ngakwizihloko zeencwadi zezifundo ukwenzela esi sifundo.
    INyathelo 7: Klikha ku-"SUBMIT".
    INyathelo 8: Phinda amanyathelo 5 - 7 apha ngentla kwisifundo ngasinye seBakala 10 kwikharityhulam ye-FET yesikolo evunyiweyo (approved FET curriculum).
    INyathelo 9: Wakuba wanelisekile yi-odolo yakho yeencwadi zezifundo, zalisa i-sign-off screen uklikhe u-"SAVE".
  4. Funda i-CEMIS User Guide (Annexure B), ekwi-CEMIS "Administration" option, ukufumana imiyalelo ecaciswe gca inyathelo nenyathelo ngalinye.
  5. qhagamshelana no-Zandre' Kleinschmidt kule nombolo yefoni 021 467 2204 okanye no-Lucia Bredenkamp kule nombolo yefoni 021 467 2129, ukuba ufuna uncedo.
6. Izifundo iiDance Studies noMusic
6.1 Izikolo zifanele ukuqaphela ukuba iincwadi zezifundo zabafundi nesikhokelo sikatitshala zifumaneka kuphela ngesiNgesi. Ii-odolo ziya kwenzelwa bonke abafundi.
6.2 Nakuba kunjalo ziyacetyiswa izikolo ukuba ziluxele ulwimi lokufundisa nokufunda lomfundi (Lolt) ukulungiselela ithuba elizayo.
6.3 ISebe iWCED liya kwenza uphando ngokuguqulwa kwezi ncwadi zezifundo ngo-2012.

7. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:20

"Grade 10 Addendum to the National Catalogue of Textbooks"  (ubukhulu: 36 KB)