1. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) liya kubonelela ngeeNcwadi zoMsebenzi (Workbooks) kumaBakala R ukuya ku-9, iincwadi zezifundo zokongeza ii-Supplementary Mathematics ne-Physical Sciences kumaBakala 10 ukuya ku-12, namaxwebhu oMgaqo-nkqubo iCurriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) kootitshala beSigaba seSiseko nabeBakala 10.

2. Iincwadi zomsebenzi zango-2012 eziza kusiwa ezikolweni zezi zilandelayo:

  • Iipheki zezibonelelo zeBakala R iiGrade R Resource Packs
  • Iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1-6 zoLwimi lwaseKhaya (Home Language workbooks)
  • Iincwadi zomsebenzi zeMathematika zamaBakala 1-9
  • Iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1-6 zoLwimi lwesiNgesi lokuQala oLongezelelweyo (English First Additional Language workbooks)
  • Iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1-3 zeZakhono zoBom kwiLoLT.
3. Iincwadi zomsebenzi (workbooks) neencwadi zezifundo (textbooks) ziya kusiwa ngqo ezikolweni ngokwesi sicwangciso silandelayo:

  • I-Workbook Volume 1: Grades R-9 and Grades 10-12 Mathematics and Physical Sciences Supplementary Textbooks ziya kusiwa ekupheleni kukaJanuwari 2012; yaye

  • I-Workbook Volume 2: Grades 1- 9 ziya kusiwa ekupheleni kukaMatshi 2012.
4. Amaxwebhu eCAPS aya kusiwa ezikolweni phakathi kwe-9 ne-31 Januwari 2012. Izikolo ezineeklasi zesigaba sesiseko zafumana iiCDs ezinamaxwebhu eCAPS kwiiseshoni zoqeqesho ngo-Oktobha 2011.

5. Izikolo zinokubanako ukukhuphela (download) amaxwebhu eCAPS kwiziko lewebhu leDBE http://www.education.gov.za

6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zinyule utitshala omakamkele, atshekishe, aze asayine uxwebhu olububungqina bokuziswa kweencwadi nokuba ongamele ukuhanjiswa kwangoko kwazo kubafundi.

7. Iincwadi zomsebenzi mazisetyenziswe ngabafundi ukugqiba imisebenzi yezifundo ezifundisiweyo. Amagosa kazwelonke, ephondo nawezithili zemfundo aya kubeka iliso kwinkqubo yokusiwa nokusetyenziswa kweencwadi zomsebenzi kwangoko ngo-2012.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:08