1. Ngo-2012 iSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (Department of Basic Education (DBE)) liya kubonelela abafundi kwizikolo zikarhulumente ngeencwadi zomsebenzi ukulungiselela izifundo namabakala anikwe kule theyibhile elapha ngezantsi:

ISIGABA AMABAKALA IZIFUNDO
ISigaba seSiseko R Iincwadi zomsebenzi ziya kubonelelwa ngolwimi lokufunda nokufundisa.
ISigaba seSiseko 1-3 ULwimi lwaseKhaya (Home Language (HL), (Isi-Afrikansi, isiNgesi, seSotho, siTswana, isiXhosa)
ISigaba seSiseko 1-3 IMathematika (Isi-Afrikansi nesiNgesi)
ISigaba seSiseko 1-3 IsiNgesi uLwimi loKuqala oloNgezelelweyo, (kubafundi besi-Afrikansi nabesiXhosa uLwimi lwaseKhaya (HL)
ISigaba esiPhakathi 4-6 ULwimi lwaseKhaya (Home Language (HL), (Isi-Afrikansi, isiNgesi, seSotho, isiTswana, isiXhosa)
ISigaba esiPhakathi 4-6 IMathematika (Isi-Afrikansi nesiNgesi)
ISigaba esiPhakathi 4-6 IsiNgesi uLwimi loKuqala oloNgezelelweyo, (kubafundi besi-Afrikansi nabesiXhosa uLwimi lwaseKhaya (HL)
ISigaba esiPhezulu 7-9 IMathematika (Isi-Afrikansi nesiNgesi)
ISigaba se-Further Education and Training (FET) 11 and 12 I-Mathematika
ISigaba seFET 11 and 12 I-Physical Sciences

2. Ukongeza kwii-odolo zeencwadi zezifundo zeCAPS zeBakala 10, abafundi beBakala 10 abafunda i-Physical Sciences neMathematika baya kufumana iincwadi zezifundo ezongezelelweyo (supplementary textbook) kwezi zifundo.

3. Izikolo:
3.1 mazisebenzise iitheyibhile eziqhotyoshelweyo (isiHlomelo A), ngokubhungisana nootitshala abafanekileyo, ekwenzeni isigqibo ngenani leencwadi zomsebenzi emalifunelwe abafundi nootitshala; yaye
3.2 mazifake inani eliqikelelwayo eliyitotali yeencwadi zomsebenzi ezifunwayo ngebakala ngalinye, ngesifundo ngasinye, ngokulandela le nkqubo ilandelayo apha ngezantsi:

  1. Loga kwi-CEMIS.
  2. Khetha u-"Administration" kwi-menu.
  3. Khetha isigaba esichaphazelekayo (iBakala R, iSigaba esiPhakathi, iSigaba esiPhezulu okanye eseFET).
  4. Faka inani leencwadi zomsebenzi ngolwimi ngalunye nangebakala ngalinye elifunwa sisikolo sakho ngo-2012.
  5. Klikha ku-"Submit" ukuseyiva i-odolo ngesigaba ngasinye. Xa uklikha ku-"Submit" tab, uya kubuyela kwi-main menu.
  6. Qhubeka ngokukhetha isigaba esilandelayo esichaphazelekayo.
  7. Qaphela ukuba ingqikelelo ye-EMIS inikwa ngebakala ngalinye, ngolwimi ngalunye nangesifundo ngasinye.
  8. Inqununu mayisayine loo odolo yeencwadi zomsebenzi idityanisiweyo ngokukhetha i-"Sign off" tab kwi-main menu nangokuzalisa i-sign-off sheet. Iinqununu mazizisayine ii-odolo zeencwadi zomsebenzi kwi-CEMIS engadlulanga u-16:00 ngoLwesine, we-20 Oktobha 2011.
  9. Ukuba ufuna olunye uncedo, qhagamshelana no-Zandre Kleinschmidt kule nombolo yefoni 021 467 2204 okanye no-Brian Le Keur kule nombolo yefoni 021 467 2094.
4. Wakuba uyisayinile i-odolo yeencwadi zomsebenzi, umphathi weze-IMG uya kuyingqinisisa aze ayivume i-odolo yeCEMIS eyenziwe sisikolo sakho.

5. Ingcaciso enikwe sisikolo iya kusetyenziselwa ukuvelisa i-odolo yeencwadi zomsebenzi zesikolo sakho ngo-2012.

6. ISebe iDBE lazise ukuba iincwadi zomsebenzi (Volume 1) ziya kusiwa ezikolweni ekuyeni ekupheleni kuka-Januwari 2012.

7. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zinike le ngcaciso ngokukhawuleza kangangoko yaye zikuphephe ukulinda de kube lusuku lokugqibela phambi kokuba ziloge kwiCEMIS.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:10:13

isiHlomelo A  (ubukhulu: 91 KB)