1. ISetyhula 0006/2011 (yomhla we-2011-03-25) yazisa izikolo ngenjongo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yokunika bonke abafundi beBakala 10 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, incwadi yezifundo (textbook) kwisifundo ngasinye ukuxhasa ukuphunyezwa kweeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2012.

2. Kuqhotyoshelwe apha iKhathalogu kaZwelonke (National Catalogue) eyikopi yekhompyutha yeencwadi zezifundo ze-CAPS zeBakala 10 ezivunyiweyo, eziveliswe liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (national Department of Basic Education (DBE)). Kuphela ziincwadi ezikule khathalogu eziya kuthengelwa abafundi beBakala 10 liSebe iWCED.

3. Kufuneka izikolo

  1. zizikhethele ngokwazo iincwadi zezifundo zazo zesifundo ngasinye seBakala 10 kwikharityhulam ye-FET yazo evunyiweyo (their approved FET curriculum);

  2. zibhale inani leencwadi zezifundo nezikhokelo zootitshala ezizifunayo, kwisihloko sencwadi ngasinye ngokususela kwinani lobhaliso lwabafundi elicingelwayo kunye nolwimi lokufundisa kwisifundo ngasinye ngo-2012;

  3. zifake iincwadi zezifundo ezizikhethileyo kwifom yerikhwizishinim ekumatshini kwi-CEMIS ingadlulanga intsimbi ye-16:00 ngoMvulo we-26 Septemba, ngokwala manyathelo alandelayo alapha ngezantsi:B INyathelo 1: Loga kwi-CEMIS.
    INyathelo 2: Khetha u-"Administration" kwiMenyu.
    INyathelo 3: Klikha ku-"CAPS GR 10 Order" kwi-drop-down box.
    INyathelo 4: Klikha ku-"GR 10".
    INyathelo 5: Khetha isifundo kwi-dropdown box.
    INyathelo 6: Faka inani leencwadi zezifundo nezikhokelo zootitshala ngakwiizihloko zeencwadi zezifundo zesi sifundo.
    INyathelo 7: Klikha ku-"SUBMIT".
    INyathelo 8: Phinda amanyathelo 5 - 7 apha ngentla kwisifundo ngasinye seBakala 10 kwikharityhulam ye-FET yesikolo evunyiweyo (approved FET curriculum).
    INyathelo 9: Wakuba wanelisekile yi-odolo yakho yeencwadi zezifundo, zalisa i-sign-off screen uklikhe u-"SAVE".

  4. Funda i-CEMIS User Guide (Annexure B), ekwi-CEMIS "Administration" option, ukufumana imiyalelo ecaciswe gca inyathelo nenyathelo ngalinye.

  5. Qhagamshelana no-Zandre' Kleinschmidt kule nombolo yefoni 021 467 2204 okanye no-Lucia Bredenkamp kule nombolo yefoni 021 467 2129, ukuba ufuna uncedo.
4. Ezi zifundo zilandelayo Design, Dramatic Arts, Information Technology, Mechanical Technology, Religion Studies, ne-Visual Arts, zinesihloko esinye kuphela esivunyiweyo kwiKhathalogu kaZwelonke. Kwezi ncwadi zezifundo kufuneka izikolo zinike inani leencwadi ezilifunayo ngolwimi ngalunye.

5. Ezi zifundo zilandelayo azinazo iincwadi zezifundo kwiKhathalogu kaZwelonke evunyiweyo: Music, Civil Technology, Agricultural Management Practices, Agricultural Technology and Dance Studies. Izikolo ziya kunikwa ithuba lokwenza i-odolo kwezi zifundo lakuba iSebe iDBE lenze yafumaneka i-amended supplementary National Catalogue ngoNovemba 2011.

6. Izikolo zinokuya kuzijonga iikopi zezi ncwadi zezifundo zivunyiweyo kwii-ofisi zezithili zemfundo zazo okanye kumaziko eencwadi zootititshala (teacher resource centre) ukuqala ngo-14:30 kuye ku-16:30 yonke imihla, ukususela ngoMvulo kuye kuLwesihlanu.

7. ISebe iWCED liya kuzama ukubonelela izikolo ngeencwadi zezifundo ezikhethwe zizo. Kodwa oku kunokungabi njalo ngenxa yebhajethi yethu ekhoyo ngoku.

8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:09:19

"National Catalogue of approved Grade 10 CAPS textbooks"  (ubukhulu: 87 KB)