1. Iziko i-SADC Research Centre lityunjwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba lihlole iziseko zophuhliso (infrastructure) kuzo zonke izikolo zeWCED ukususela ngo-Apreli 2011 ukuya ku-Oktobha 2011.
2. Isaveyi ye-National Education Infrastructure Management System (NEIMS) yezikolo ze-WCED yenziwa ukuqalela ngo-2006 ukuya kutsho ku-2007 phantsi kwephiko leSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)). ISebe iDBE lathi emva koko lakhupha idatha eyafunyanwa ngethuba lophando, neyathi yabonakala njengenge-naxabiso ekwenzeni izicwangciso. Nakuba kunjalo, loo datha ayikahlaziywa ukususela ngolo phando yaye oku kwenza ukuba luncedo kwayo kuye kuncipha ngakumbi.
3. Ukuqinisekisa ukuba kugciniwe ukuthembeka kwengcaciso, kuyimfuneko ukuba kungahlaziywa nje kuphela idatha, koko kwenziwe nesistim eya kwenza iSebe iWCED kwixa elizayo, liyihlaziye idatha yalo ngokukhawuleza kwakubanje kugqitywe ukuphuculwa kwezikolo. Oku kuya kwenza sibenako ukuqulunqa ishedyuli yolungiso lwezikolo esekelwe kwingcaciso eqinisekisiweyo.
4. I-SADC Research Centre iya kunika izikolo isaziso kwiiveki ezi-2 phambi kokuzityelela. Ukuhlolwa kwazo kuya kubandakanya oku kulandelayo:

  • Udliwano-ndlebe oluthatha ixesha elifutshane nenqununu okanye nalowo mmeli idlulisele kuye amagunya ayo
  • Ukuhlolwa kwesikolo - ukuthathwa kwemilinganiselo, ukubalwa, ukurekhodwa, ukuzotywa nokufotwa kwazo zonke izibonelelo zesikolo
  • Ingqinisekiso yenqununu okanye yaloo mmeli utyunjwe yiyo yokuba kwenziwe ngokwenene ukuhlola kwesikolo

Utyelelo lufanele ukuthatha iiyure ezi-3 ukuya kwezi-4, ngokuxhomekeka kubungakanani besikolo.

5. ISebe iWCED liyicacise gca kwi-SADC Research Centre into yokuba ukuphazanyiswa kweeklasi esikolweni makugcinwe kukwelona qondo lisezantsi kangangoko. Zonke iifom zokuhlolwa kwesikolo ziya kuzaliswa ngabasebenzi abaya kuba besenza lo msebenzi (fieldworkers), ekumelwe kwenziwe nje kuphela yinqununu okanye ngummeli wayo edlulisele kuye amagunya, kukusayina ingqine ukuba kwenziwe ukuhlolwa kwesikolo.
6. ISebe iWCED licela zonke izikolo zincedisane ne-SADC Research Centre xa ihlola izikolo kwaye lithemba lokuba le nkqubo iya kuphucula ulawulo nocwangciso lweziseko zophuhliso kuzo zonke izikolo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI - JIKELELE WECANDELO LOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:04:26