1. Ngo-2007 nango-2009, iSebe leMfundo leNtshona Koloni laqalisa ii-Learning, Teaching and Support Material (LTSM) Special Projects ukubonelela abafundi bamaBakala 11 no-12 ngeencwadi zezifundo kwisifundo ngasinye.
2. Emva koko, izikolo zaye zafumana isabelo-mali seMimiselo neMigangatho ukuphelisa ukushota kweencwadi zezifundo. Nakuba kunjalo, iingxelo zezikolo zakutshanje zokulungela ukuqalisa ukufundisa zibonise ukuba iincwadi zezifundo zisashota kwezinye izikolo kumaBakala 11 no-12.
3. Ekuqaleni konyaka wezifundo ka-2011, iNtsumpa-Jikelele, uNks Vinjevold, ikuvumile ukongezelelwa kweencwadi zezifundo (textbook top-ups) kumaBakala 11 no-12 ukuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye kula maBakala, unencwadi yesifundo kwisifundo ngasinye.
4. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba ziqinisekise ncam amanani ezishota ngawo iincwadi ezikhethwe kwi-National FET Textbook Catalogue (Addendum C) kumaBakala 11 no-12, zize zizalise le fom yerikhwizishini (IsiHlomelo A) iqhotyoshelweyo, ziyithumele kumphathi weze-IMG engadlulanga uLwesithathu, we-3 Februwari 2011. Ngenxa yokuba ixesha lifutshanisile, akukho zicelo zifike emva kwexesha ziya kuqwalaselwa.
5. Isicelo ngasinye masingqinisiswe ngumphathi weze-IMG wesikolo okanye ngumphathi wekomiti yesekethe phambi kokuba sigqithiselwe kwi-Ofisi ye-LTSM kule dilesi inikwe apha ngezantsi.
6. Ezi ncwadi zokufunda ziyinxalenye yezibonelelo ze-LTSM zesikolo. Ngako oko ke ezi ncwadi zokufunda mazifakwe istampu sesikolo, zirekhodwe kwi-inventri yesikolo, zikhavarishwe, zize ke ziphinde zithathwe kubafundi ekupheleni konyaka ngamnye. Iincwadi zokufunda ezikubafundi mazitshekishwe sisikolo ubuncinane kabini ngonyaka. Isikolo masithenge ezinye iincwadi zokufunda endaweni yezo zilahlekileyo okanye zimoshakeleyo.
7. Makuzaliswe iinkcukacha zabasebenzi abakulawulo abakhulu abangekho ngaphezu kwababini abaya kusayinela zonke izibonelelo zeLTSM ezisiwa esikolweni ngo-2011, kule fom iqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) ize iposelwe kwi-Ofisi yeLTSM, ukuba iqwalaselwe ngu-Nks Jenny Maliqua, Cape Teaching & Leadership Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River, 7579 OKANYE ithunyelwe nge-imeyili apha jamaliqu@pgwc.gov.za OKANYE ithunyelwe ngefeksi apha 086 514 3146, engadlulanga uLwesihlanu we-11 Februwari 2011.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:01:26

isiHlomelo A: IRIKHWIZISHINI YEPROJEKTHI YEENCWADI ZEZIFUNDO ZEBAKALA 11 & 12  (ubukhulu: 13 KB)
isiHlomelo B: "Details of signatories for ltsm delivered during 2011"  (ubukhulu: 8 KB)
"Addendum C: National Further Education (FET) Textbook Catalogue"  (ubukhulu: 56 KB)