1. Kukhunjuzwa iinqununu, amabhunga olawulo ezikolo kunye nabaphathi beze-IMG abakwii-ofisi zezithili zemfundo kwiPhondo leNtshona Koloni ukuba amathuba okubasezikhundleni kwawo onke abamabhunga olawulo ezikolo (ii-SGB) aya kuphela ngo-2012. Kufuneka kunyulwe iiSGB ezintsha kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Nkqu nokuba ngaba ibhunga lolawulo elisandula kunyulwa kutshanje alikayigqibi iminyaka emithathu yokuba sesikhundleni kwalo, eso sikolo masinyule ibhunga lolawulo elitsha ngo-2012.

2. Umhla womjikelo ka-2012 wonyulo lwamabhunga olawulo ezikolo useza kumïselwa yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Departments Committee). Kwenziwe isicelo kwiSebe leMfundo esiSiseko kazwelonke ukuba lisondeze unyulo lwee-SGB lube ngoMatshi 2012 ukwenzela ukuba kususwe ezinye zeengxaki ezafunyanwa zizikolo ngethuba lonyulo lweeSGB kwixesha elidlulileyo. Izikolo ziya kwaziswa ngomhla wonyulo lweeSGB luka-2012 kwakubanje kufikelelwe esigqibeni ngawo.

3. Kusekwe ikomiti yonyulo yephondo, ekhokelwa nguMnu Redewan Larney (ifoni 021 467 2337), ukwenzela ukuququzelela nokubeka esweni imisebenzi yonyulo yeekomiti zezithili nezezikolo eNtshona Koloni.

4. Kucelwa iinqununu ziqalise ukulungiselela unyulo luka-2012 lweeSGB ngaphandle kokulibazisa ngokuthi ziseke iikomiti zonyulo zesikolo ezenziwa ngootitshala nabangezotitshala abaqeshwe esikolweni. Abazali nabafundi bangathatha inxaxheba nabo babe kwikomiti yonyulo yesikolo. Iinqununu mazikhuthaze unyulo ebazalini ukwenzela ukuba kukhuthazwe abagqatswa abafanelekileyo ukuba babe kwiSGB.

5. Imisebenzi yonyulo eyongezelelweyo yenqununu nganye nekomiti yonyulo yesikolo nganye imi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ukuba negosa lonyulo, ekufuneka libe yinqununu yesinye isikolo, etyunjwa ligosa lonyulo le-ofisi yesithili semfundo
  • Ukulungisa imiqulu yabavoti (ngokungqinelana namaqela ahlukeneyo eSGB) yabo bonke abafanele ukuvota esikolweni nokwenza ukuba ifumaneke kuzo zonke iintlanganiso zeSGB
  • Ukwazisa bonke abazali, ngencwadi ebhaliweyo yaye kwiintsuku ezingekho ngaphantsi kweziyi-21 phambi komhla wonyulo, ngomhla, amaxesha okuvota nendawo ekuya kunyulelwa kuyo iSGB
  • Ukuqinisekisa ukuba unyulo lweSGB lupapashwa kakuhle ngokusasaza nokubonisa izinto zokufunda ezinika inkuthazo ngamandla ezikhutshwa liSebe iWCED kunye nengcaciso yangaphakathi eveliswe sisikolo
  • Ukubonelela ngabasebenzi abaza kunceda igosa lonyuso apho kuyimfuneko
  • Ukunika abazali nootitshala ingcaciso malunga neemfanelo nemisebenzi yeSGB
6. Zonke izikolo zikarhulumente zinomgqaliselo ngokwasemthethweni (legislative measure) onxulumene namabhunga olawulo kunye nezilungiso ezipapashwe kwiGazethi yeSikhawu yePhondo (Provincial Gazette Extraordinary) ngo-2008. Ukuba kuye kwakho naziphi na izilungiso kwimigqaliselo, izikolo, nabanye abathathi-nxaxheba baya kuyinikwa loo ngcaciso ngokukhawuleza kangangoko kuno kwenzeke.

7. Ziya kuthi kwakhona iinqununu zezikolo zikarhulumente ziqeqeshwe njengamagosa onyulo,'yaye aya kusingatha ulawulo lonyulo lweeSGB. Uqeqesho luya kwenziwa ngamagosa onyulo ezithili yaye ezinye iinkcukacha malunga noku ziya kunikwa iinqununu zezikolo kungekudala.

8. Unyulo lwamabhunga olawulo ngumsebenzi omkhulu kwaye iSebe iWCED lixhomekeke kwintsebenziswano yomntu wonke othatha inxaxheba ukwenza lube yimpumelelo. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelana noMnu I Morkel kule nombolo yefoni 021 467 2768 okanye noMnu R Larney kule nombolo yefoni 021 467 2337.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:080:29