1. Intshayelelo

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizithatha izikolo ezizimeleyo njengamahlakani abalulekileyo kwezemfundo eNtshona Koloni. UNdlunkulu weSebe iWCED nee-ofisi zezithili zemfundo zakhe babambisene kumsebenzi wokubeka esweni nokunika inkxaso izikolo ezizimeleyo. ICandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko (Institutional Management and Governance Planning (IMGP)) linikwe umsebenzi wokuququzelela yonke imisebenzi emalunga nezikolo ezizimeleyo.

ISebe iWCED linobudlelwane yaye lisebenzisana kakuhle noMbutho weZikolo eziZimeleyo i-Independent Schools Association of Southern Africa (ISASA) kunye ne-Western Cape Joint Liaison Committee (JLC) ngenjongo yokuqinisekisa imfundo esemgangathweni kubo bonke abafundi bethu.

UNdlunkulu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo bayazityelela izikolo ezizimeleyo ngenjongo yokuzinika inkxaso, ukuqinisekisa umgangatho nokuqaphela inkqubo yokufundisa ngokuncomekayo; ukubeka esweni, ukwenza uvavanyo nophando, nokubeka esweni iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neengcaciso ezimfutshane neesetyhula ezathunyelwa eZikolweni eziZimeleyo ngo-2010.

Olu xwebhu lweMimiselo ehlaziyiweyo i-Regulations Relating to the Registration of and Subsidies to Independent Schools luya kwenziwa lufumaneke ngoSeptemba 2011 luze luqale ukusetyenziswa ukususela ngoJanuwari 2012.

2. Ukusetyenziswa kootitshala njengabadi babaviwa kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
ISetyhula 0015/2011, yomhla we-1 Juni 2011, kwakunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0009/2010, yomhla we-12 Julayi 2010, zazisa onke amaziko okubhalela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngokuqaliswa kokusetyenziswa kootitshala njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC.
3. Umalusi
3.1 Indima ka-Umalusi kukuqinisekisa ukuthotyelwa kweemfuno ezingummiselo zobhaliso ukwenzela ukuba kukhredithwe isikolo esizimeleyo ngasinye.
3.2 Umalusi ukwaqinisekisa umgangatho wenkqubo yonke yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
3.3 Umalusi akazikhredithi izikolo ezilandela inkqubo ye-ACE, Delta and Brainlines approach njengoko iikharityhulam zazo neemfuno zokupasa zingangqinelani nezo zikaMalusi.
3.4 Ke ngoko luxanduva olusemagxeni eso neso isikolo ngasinye ukuba senze isicelo kuMalusi ukuze sikhredithwe.

4. Iisetyhula neeNgcaciso ezimfutshane zeWCED
Iingcaciso ezimfutshane neesetyhula ezimalunga nezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, izikolo ezizimeleyo nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ziyafumaneka kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha: http://wced.school.za

5. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamacandelo akwaNdlunkulu nezamagosa ezithili zemfundo okusingatha imicimbi yeZikolo eZizimelyo, zikwisiHlomelo esiqhotyoshelweyo.

6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2011:09:02

isiHlomelo  (ubukhulu: 64 KB)