1. Le ngcaciso imfutshane isebenza njengesaziso esiya kuzo zonke izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni sokuba zihlaziye zize zingenise isicwangciso sokuqulela okungekehli sesikolo (school contingency plan).

2. NgokweSaziso sikaRhulumente 22754 (No. 1040) kunye nangokoMthetho i-Occupational Health and Safety Act, izikolo mazibe nesicwangciso sokhuseleko, emasibandakanye oku kulandelayo:

  • Inkcazo yomgaqo-nkqubo
  • Ingcaciso ngesakhiwo ngokubanzi
    1. Indawo esikuyo, uhlobo lomsebenzi esiwenzayo, inani labaqeshwa, igumbi lolawulo xa kuvele imeko kaxakeka (control room)
  • Iplani yesiza sesikolo
    1. Ukuma kwezakhiwo zesikolo neendlela (roads) ezilapho
  • Iplani yomgangatho
    1. Iplani yesakhiwo (iiplani zezakhiwo), ebonisa iindawo zokuphuma kwisakhiwo ngexesha likaxakeka nendawo igosa lemeko kaxakeka elijongene nayo
    2. Iplani yesakhiwo (iiplani zezakhiwo), ebonisa izicima-mlilo (fire extinguishers), izixhobo zoncedo lokuqala, iindawo zokuphuma ngexesha likaxakeka kunye nezinto ezisetyenziswayo eziyingozi
  • Amalungu ezolawulo lwemeko kaxakeka
    1. Amagama, imisebenzi neenombolo zoqhagamshelwano zawo
  • Izoyikiso neziphumo ezinokulindeleka kunye neendlela zokuzithibaza
  • Iinkqubo zokuhlangabezana nemeko kaxakeka zokuqulela izinto ngezinto ezinokwehla
    1. Iintshukumo zogwayimbo nokukwaya umsebenzi (strikes and stay-aways)
    2. Izoyikiso zesiqhushumbisi
    3. Izikhukula
    4. Ubugewu (gangsterism)
    5. Umlilo, njl. njl.
  • Imisebenzi neendima zamalungu ekomiti yemeko kaxakeka
  • Ilisti yazo zonke iifoni zemeko kaxakeka.
3. Isicwangciso sokuqulela okungekehli masibe yinxenye yesicwangciso sokuphucula isikolo (school improvement plan).

4. Ziyacelwa izikolo ukuba zingenise isicwangciso sazo sokuqulela okungekehli esihlaziyiweyo kuMququzeleli weZikolo eziKhuselekileyo weSithili ungadlulanga owe- 31 Oktoba 2011.

5. Ukuba ufuna uncedo, kucelwa uqhagamshelane noMququzeleli weZikolo eziKhuselekileyo weSithili, okanye no-Oscar Apollis okanye noNariman Khan kwezi nombolo zefoni 021 467 9367/ 2597/ 2790.

6. Okuqhotyoshelwe apha yithempleyithi oyithunyelelwayo eya kukunceda wenze okanye uhlaziye isicwangciso sokuqulela okungekehli sesikolo sakho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:09:05

"Appendix A - Contingency plan template"  (ubukhulu: 74 KB)