1. Imimiselo ephathelele kubhaliso lwamaziko e-AET abucala nezizathu zokuvunywa okanye zokurhoxiswa kobhaliso lwamaziko alolu hlobo, kwakunye nemfuneko yokugcinwa kweerejista namanye amaxwebhu ngala maziko, yaye yavunywa yaza yasayinwa nguMphathiswa weMfundo wePhondo (MEC) nge-15 Februwari 2011.
2. La maxwebhu aye emva koko apapashwa kwiGazethi yePhondo No. 6838 yange-4 Matshi 2011 ukwenzela ukwazisa uluntu ngokubanzi.
3. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yoxwebhu olusekhompyutheni lwale Gazethi yePhondo.
4. Kungathakazelelwa kakhulu ukuba unako ukwazisa bonke abachaphazelekayo ngokubhalwe kule Gazethi yePhondo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
UMLAWULI OYINTLOKO WECANDELO LOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2011:04:01

"Provincial Gazette 6838"  (ubukhulu: 138 KB)