1. INTSHAYELELO
1.1 Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko 0008/2011, yomhla we-29 Agasti 2011, malunga nalo mba ulapha ngentla.
1.2 Kucelwa uqaphele ukuba unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo (iiSGB) ngo-2012 kuzo ZONKE izikolo eMzantsi Afrika lufanele ukuqala ngoLwesine, we-1 Matshi 2012 yaye malugqitywe ingaphelanga ikota yokuqala yesikolo, nge-23 Matshi 2012.
1.3 NgokweMigqaliselo13, 15 no-16(2) yeMigqaliselo ePhathelele kuMabhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente (Measures Relating to Governing Bodies for Public Schools), unyulo lwamalungu angootitshala, angengotitshala nangabafundi eSGB (apho kufanelekileyo), maluqhutywe phambi konyulo lwamalungu angabazali. Kwenziwa ke ngoko amalungiselelo okuba unyulo lwamalungu angengobazali luqale ngeveki ye-1 Matshi 2012.

2. UQEQESHO LWAMAGOSA ONYULO (ELECTORAL OFFICERS)
2.1 INtloko yoQuquzelelo neNgcebiso ngeze-IMG, esebenza njengegosa lonyulo lesithili semfundo, iya kuququzelela ukutyunjwa kwamagosa kwisithili semfundo ngasinye.
2.2 Ukuqeqeshwa kwamagosa onyulo kuya kwenziwa ngabaphathi beze-IMG kwasekuqaleni kwikota yokuqala ka-2012. Iprogram yoqeqesho, umhla nendawo, ziya kwaziswa iinqununu zii-ofisi zezithili zemfundo ezichaphazelekayo.
2.3 Iinqununu ebeziye kwiiseshoni zoqeqesho, umntu ngamnye uya kufumana ileta esayinwe ngumlawuli wesithili semfundo, nebonisa ukuba angongamela unyulo lweSGB kwisikolo esikhethiweyo kunye/okanye kwisikolo esikufutshane (kwizikolo ezikufutshane).

3. AMALUNGISELELO OLUHLU LWABAVOTI
3.1 Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba zilungise umqulu woluhlu lwabavoti abangabazali, abangootitshala, abangengotitshala nabameli babafundi ngokusebenzisa inkqubo yobhaliso lwabavoti.
3.2 Kufuneka iinqununu, ngokusebenzisa iindlela zonxibelelwano ezicacileyo nezisebenza kakuhle, zazise abazali, abagcini babantwana, nabanyamekeli babantwana, ukuqinisekisa ukuba abantu ababhaliswe kumqulu woluhlu lwabavoti nakwirejista yokwamkelwa kwabafundi esikolweni (voters' roll and admission register) ngabo abafanele ukuthatha inxaxheba kunyulo lweSGB. Kuphela ngabantu abamagama abo avelayo kumqulu woluhlu lwabavoti, abaya kubanelungelo lokutyumba okanye lokuxhasa abagqatswa abatyunjiweyo okanye abanelungelo lokuvota.

4. IKOMITI YEZONYULO YESIKOLO
4.1 Ikomiti yezonyulo yesikolo kufuneka isekwe ukuqinisekisa ukucqangcisa kwangethuba ukuqaliswa kwezonyulo oluyimpumelelo IweSGB.
4.2 Iikomiti zezonyulo zezikolo ziyakhuthazwa ukuba ziqulunqe izicwangciso zenkxaso ezizezazo ukuququzelea uthatho-nxaxheba kwezonyulo nokuqinisekisa ukuba kunyulwa abagqatswa abanobuchule.
4.3 Isicwangciso senkxasa esichazwe ku-4.2 apha ngasentla kufuneka sibandakanye ukuthunyelwa kweekhrayitheriya zokukhetha amalungu amabhunga olawulo afanelekileyo.

5. INKXASO ENIKWA IZIKOLO
5.1 Ukuba ufuna uncedo kunye/okanye ukuba unayo nayiphi ngezonyulo IweeSGB, ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomphathi we-IMG wakho.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI -JIKELELE:WOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO
UMHLA: 2011:12:02