1. Kuvunyiwe ukunyuswa komyinge wesona sixa-mali sisezantsi sengeniso emisel-weyo yovavanyo lokujonga ubungakanani bentswelo (IsiHlomelo A) ukusuka ku-R25 000 ukuya ku-R60 000 ngonyaka nesisetyenziselwa ukubala iibhasari zokubhoda zabafundi abahlwempuzekileyo ababhoda kwiihostele ezikwizikolo zikarhulumente, ukuqala nge-1 Januwari 2012.
2. Xa kubalwa intlawulo yomzali ngokovavanyo lokujonga ubungakanani bentswelo, kuphela ngabantwana abazalwa ngabo bazali (biological parents) nabo bakhuliswa ngabo bazali (foster children) (abafundi abathi ngokusemthethweni babe phantsi kononophelo lwabazali abangazalwa ngabo nabasiwe apho ngaba bazali) amabathathwe njengabondliwa (dependants).
3. Umzali othi, ngenxa yemeko yengeniso yakhe akufanele ukuxolelwa ngokuphe-leleyo (total exemption) ekuhlawuleni iifizi zokubhoda ezimiselweyo, kusaza ku-funeka ahlawule i-R14-00 ngekota, kungakhathaliseki nto yokuba uxolelwe ekukhupheni nayiphi na intlawulo ngokovavanyo lokujonga ubungakanani bentswelo olukwisiHlomelo.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L ROSE
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2011:11:18

IsiHlomelo A: I-SLIDING SCALE SOKUNIKWA KWABAFUNDI ABASWELEYO IIBHASARI ZOKUBHODA  (ubukhulu: 11 KB)