1. ICandelo loCwangciso, loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko (Institutional Management and Governance Planning [IMGP]) liya kubamba iinkomfa ezimbini zeeSGB ngoNovemba 2011. Zonke iinqununu zezikolo noosihlalo beeSGB bayacelwa ukuba beze kwezi nkomfa.

2. Iinkomfa ezimbini ziya kubanjelwa eNtshona Koloni, inkomfa nganye ilungiselela izithili zemfundo ezithile:

  • Izithili ezine i-Metropolitan Districts ne-West Coast District
  • Indawo: Main hall of the Oude Molen Academy of Science and Technology Technical High School, Jan Smuts Drive, Pinelands, Cape Town.
    Umhla: 19 Novemba 2011 Ixesha: 08:30 - 15:00

  • Izithili i-Eden & Central Kaaroo, Cape Winelands ne-Overberg
  • Indawo: Main hall of Avian Park Primary School, 100 Albatros Street, Avian Park, Worcester.
    Umhla: 26 Novemba 2011 Ixesha: 08:30 - 15:00

    Makuqatshelwe ukuba iinqununu noosihlalo beeSGB mabaye kuphela kwinkomfa elungiselelwe izithili zabo.


    3. Inkomfa nganye yeSGB ijolise ekukhuthazeni inkqubo yokulungisa umonakalo (reclaiming and restorative approach) kwizimilo eziphuncukileyo ngokunika iiSGB ithuba lokufumana ulwazi ngeendlela, ngamaphulo ongenelelo ngoncedo, neeprogram zophuhliso (developmental programmes) zokusingatha imingeni yezimilo eziphuncukileyo ezikolweni.

    4. Le nkomfa iya kunika amalungu eeSGB ithuba lokuthatha inxaxheba kwiphulo lokuphuhlisa izakhono zonxibelelwano noluntu njengoko ziseka amakhonco onxibelelwano phakathi kwazo kwizithili, anokuthi asebenze njengezitraksha zokunika inkxaso kuzo.

    5. Kucelwa iinqununu zezikolo noosihlalo beeSGB ukuba bakhwelisane xa besiya kwezi nkomfa. Iinqununu ziya kubuyiselwa iindleko zazo zokuhamba, apho umgama ohanjiweyo ungaphezulu kwe-100 km ukusinga kwicala elinye. Ukwenzela ukulungiselela ibango leendleko zohambo, ezi fom ziqhotyoshelweyo 'Subsistence and Transport' and Z43 forms mazingeniswe kule nkomfa. Amabango afunyenwe engazaliswanga ngokupheleleyo okanye ngokungachanekanga akayi kuhlawulwa.

    6. Kwimeko apho inqununu yesikolo ingenako ukubakho kule nkomfa, kodwa yena usihlalo weSGB abekho, kucelwa isikolo sihlawule iindleko zohambo size sinike iCandelo leze-IMGP ubungqina bentlawulo ukwenzela ukuba isikolo sibuyiselwe iindleko zaso emva kwenkomfa.

    7. Apho usihlalo weSGB ahamba yedwa ukuya kwinkomfa yaye umgama ohanjiweyo ungaphezu kwe-100 km kuhambo lokuya, iCandelo leze-IMGP liya kubuyisela isikolo iindleko zaso lakuba lifumene la maxwebhu alandelayo angqiniweyo:

    • Ileta yentsusa (original letter) kungabi yikopi)) ebonisa iletahedi yesikolo yaza yasayinwa ngabo bobabini, inqununu nonondyebo, neyazisa iSebe iWCED ngazo zonke iindleko zohambo ezenziwe sisikolo

    • Itshekhi ekheshiweyo yentsusa enikwe uSihlalo weSGB yaza yafakwa istampu yibhanki,

      OKANYE

    • Ivawutsha yekheshi yentsusa (original cash voucher) yentlawulo-mali eyenzelwe usihlalo yaza yasayinwa ngabantu abagunyaziselwe oko

    • Irisithi (iirisithi) yentsusa ebhalwe igama lesikolo yemali efunyenwe ngusihlalo yaza yayisayinwa ngusihlalo

    QAPHELA: Kufuneka izikolo zigcine iikopi zawo onke amaxwebhu ukulungiselela iinjongo zokuba afumaneke xa efuneka kunye nophicotho lweencwadi zemali.


    8. Indawo yokulala iya kubonelelwa kuphela kwiinqununu nakoosihlalo beeSGB abahambe umgama ongaphezu kwe-200 km kuhambo olusinga calanye. Iinqununu noosihlalo abaya kufuna indawo yokulala, kuya kufuneka bazalise icandelo B lale fom iqhotyoshelweyo (complete part B of the attached form). Le ngcaciso yendawo yokulala icelwa kwangaphambili ukwenzela ukuqinisekisa ukufumaneka kwayo. Izicelo zendawo yokulala mazifunyanwe phambi kwe-31 Oktobha 2011. Zingathunyelwa kuNks Zoliswa Lonja kule nombolo yefeksi: 086 547 8758. I-imeyili yokuqinisekisa indawo yokulala iya kuthunyelwa kummeli ngamnye ofuna indawo yokulala.

    9. Abantu abafuna ukuya kwinkomfa yeeSGB mabazalise icandelo A lale fom iqhotyoshelweyo (complete part A of the attached form) baze bayithumele ngefeksi kuNks Zoliswa Lonja kule nombolo yefeksi: 086 547 8758 phambi kwe-31 Oktobha 2011. Le ngcaciso ifunwa kwangaphambili ukwenzela ukuba iSebe iWCED lenze izicwangciso yaye lizilawule ezi nkomfa ngempumelelo.

    10. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu okanye unemibuzo, kucelwa uqhagamshelane noNks Zoliswa Lonja kule nombolo yefoni 021 467 2070.

    11. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba le ngcaciso ekule ngcaciso imfutshane yaziswa oosihlalo beeSGB kwaye kuyaxoxwa ngayo kwiintsuku ezi-4 zomsebenzi yakuba ifikile ukwenzela ukuba izikolo zibuyise iimpendulo ngemihla ezilindeleke ngayo.

    12. Iya kuthakazelelwa kakhulu impendulo yakho ekhawulezileyo.


    ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
    USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO
    UMHLA: 2011:10:20

    ISIHLOMELO A: INKOMFA YEE-SGB  (ubukhulu: 36 KB)
    ICandelo A: INGQINISEKISO YOKUBA UZA KUBAKHO KWINKOMFA YE-SGB NGO-2011  (ubukhulu: 26 KB)
    ICandelo A: INGQINISEKISO YOKUBA UFUNA INDAWO YOKULALA  (ubukhulu: 8 KB)

    The following document requires Microsoft Excel to view
    "Subsistence and Transport Claim Form and the Z43 Forms"  (size: 69 KB)