1. ISiqendu 11 (1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) sicacisa ukuba ibhunga elimele abafundi (RCL) malisekwe kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kwiBakala 8 nangaphezulu.

2. Kucelwa isikolo ngasinye siqinisekise ukuba luza kuqhubeka unyulo lwe-RCL.

3. Ukwenzela ukuba iiRCL ziqale ukusebenza kwasekuqaleni kangangoko kunokwenzeka ngo-2012, kucetyiswa ukuba unyulo lweRCL lokulungiselela u-2012, luqhubeke phakathi kwe-1 Novemba ne-31 Januwari 2012.
3.1 Uqeqesho lweeRCLs ezisanda kunyulwa luya kuqala nge-1 Februwari 2012.
3.2 Ziyacelwa izikolo ke ngoko ukuba zizalise ifom yesiHlomelo A kwifayili yeRCL zize ziyingenise kubaququzeleli weRCL bezithili zemfundo.
3.3 Ootitshala abangamagosa oqhagamshelwano mabaqinisekise ukuba kunyulwa amalungu amabini e-RCL ukuba angene ukuze abe kwibhunga lolawulo lesikolo elitsha elinyuliweyo eliya kuqala ukusebenza ngoMatshi 2112.

4. Ukuba isikolo sinemibuzo malunga nonyulo lweRCL, sinokuqhagamshelana nomququzeleli weRCL ochaphazelekayo okolu luhlu lulandelayo:

  West Coast District: Ms Lorenda Olivier, ifoni 021 860 1208
Overberg District: Ms Yolanda Bailey, ifoni 028 214 7372
Eden & Central Karoo District: Ms Letitia Jacobs, ifoni 044 803 8361
Metro East District: Mr Zamumuzi Conco, ifoni 021 900 7203/7000
Metro South District: Mr Rachart Job, ifoni 021 370 2000
Metro North District: Ms Florence Kotze, ifoni 021 938 3004
Metro Central District: Dr Sandren Naidoo, ifoni 021 514 6717
Cape Winelands District: Mr Daniel Brink, ifoni 028 214 7372

5. Kwakuba kunyulwa iRCL, umququzeleli weRCL wesithili semfundo makazise iCandelo le-IMGP. Ingcaciso mayithunyelwe nge-imeyili ku-Ms Zoliswa Lonja kule dilesi Zoliswa.Lonja@pgwc.gov.za

6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE:WOCWANGCISO LOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO
UMHLA: 2011:10:28

IsiHlomelo A: "Notice of Nomination and Election Meeting"  (ubukhulu: 80 KB)