1. Kukho iqela leebhasari ezivela kwiNgxowa ka-Vic Bridges Foundation Trust ezinokufunyanwa ngabafundi abakwiBakala 12 abanqwenela ukuqhubela phambili izifundo zabo eyunivesithi okanye ekholejini ngonyaka ka-2012. Kukhutshwa iibhasari ezisisixa-mali esiyi-R500,00 inye ngonyaka, yaye zinikwa okwethuba leminyaka emithathu.
2. Izicelo ziya kuqwalaselwa ngabathenjwa (trustees) yaye kuya kunikwa iibhasari ezintlanu (5) eziya kukhethwa ngokuthi kujongwe ukuqaqamba komsebenzi (merit) nobungakanani bemfuno kubenzi-sicelo abo. Intlawulo yebhasari ixhomekeke ekungenisweni kobungqina obuqinisekisiweyo bokuba (a) umenzi-sicelo ubhalise njengomfundi osisigxina kunyaka ochaphazelekayo kunye (b) neziphumo zakhe zoviwo zonyaka ongaphambili.
3. Ukuba ofumene ibhasari uyayeka ukufunda, mabaxelelwe abathenjwa ngencwadi ebhaliweyo. Kwimeko enjengale baya kubanelungelo, ngokwengqiqo yabo, ukufuna lowo ubenikwe ibhasari ukuba abuyise ezo mali ebesele ezihlawulelwe.
4. Ukuba ngokoluvo lwabathenjwa, ayinelisi indlela aqhuba ngayo kwizifundo okanye indlela aziphethe ngayo lowo unikwe ibhasari, lilungelo labo ukuyihlutha ibhasari leyo.
5. Izicelo mazifike kule ofisi ungadlulanga uLwesithathu we-1 Disemba 2011 zingeniswe zibhalwe kule fom iqhotyoshelweyo. Eminye imibuzo malunga nokukule setyhula ingabhekiswa kuMnu I Morkel kule nombolo yefoni 021 467 2768.
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okuqulathwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:09:29

ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA SE- "VIC BRIDGES FOUNDATION"  (ubukhulu: 32 KB)