1. Kwiinzame zokunika bonke abantwana abakweli phondo imfundo esemgangathweni, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyaqhubeka nokuqaphela kunye nokulungisa loo miba yobomi besikolo inokuphuculwa ngenjongo yokuphucula imfundo yesikolo. Omnye wale miba kukukhusela nokusebenzisa ngendlela enenzuzo iiyure zesikolo ezimiselweyo. Izikolo eziqhubekayo nokuphucula ukuphumelela kwabafundi zikuqaphele oku njengento ebalulekileyo kwimpumelelo yazo.

2. ISebe iWCED linqwenela kwakhona ukuphendula izibongozo (appeals) zabazali eziphathelele kwiiyure zesikolo ezisetyenziswayo ngamaxesha eemviwo. ISebe iWCED lifumene izikhalazo ezivela kubazali nakubemi abaxhalabileyo malunga nento yokuba abafundi bagoduka phambi kwexesha okanye abayi esikolweni iintsuku ezimbini ukuya kwezintathu ngexesha ngenxa yezigqibo ezithathwe zizikolo ngokuhanjwa kwesikolo ngexesha leemviwo. Ezi zigqibo zenza ukuba kube nzima kubazali nakubanonopheli (caregivers) ukubeka esweni nokwenza amalungiselelo okuhamba (travel arrangements) abantwana babo. Ukongeza, iSebe iWCED linqwenela ukuqinisekisa ootitshala ababantwana babo bachatshazelwayo zezi nguqu kumaxesha okuhamba isikolo ngexesha loviwo, ukuba abo titshala abanyanzelekanga ukuba banciphise ixesha lokufundisa kwiiklasi zabo ukwenzela ukuba bahambise abantwana babo. Ukwenzela ukunceda bonke abachaphazelekayo, kukho imfuneko yokuba kwenziwe izinto ngendlela efanayo kwiphondo liphela.

3. Oku kulandelayo ziimfuno ezingummiselo zokuhamba isikolo ngethuba le-'trial' examinations zikaSeptemba zeBakala 12, loviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)), leemviwo neemvavanyo zikaSeptemba zamaBakala 1 - 11, leemviwo neemvavanyo zekota 4 zamaBakala 1 - 11:
3.1 Iimviwo ze-'trial' examinations zikaSeptemba zeBakala 12:

  • Kuphela ngabafundi beBakala 12 ababhala iimviwo ngokupheleleyo kwikota yesithathu yonyaka wesikolo. Iinjongo yezi mviwo kukuqhelanisa abafundi neemeko zokubhala uviwo lokuphela konyaka nokuvavanya ukulungela kwabo uviwo lokuphela konyaka.
  • Ezi mviwo zikaSeptemba mazingaze ziqale ngaphambi kowe -12 Septemba 2011.
  • Makwenziwe zonke iinzame zokufaka amaphepha amabini okanye izifundo ezibini ngosuku kwithayimthebhile ukwenzela ukuba kuncitshiswe ubude bexesha loviwo. Umzekelo: Isi-Afrikansi iPhepha 1 no-2 ngemini enye.
  • Bonke abafundi beBakala 12, kubandakanywa nabo bahlala ehostele, mabaye esikolweni de kufike yaye kubandakanywa nosuku lokugqibela lwekota 3.
  • Kuphela ngabafundi beBakala 12 abanokuvunyelwa bagoduke emva kokubhala iphepha lokugqibela losuku olo, kodwa oko kungenzeki phambi kweye-13:00.
  • Akukho khefu lakufunda livumelekileyo.
  • Ithayimthebhile yoviwo lukaSeptemba yeBakala 12 mayingeniswe kumphathi we-IMG ochaphazelekayo.
  • Irosta yesikolo yokugada abaviwa mayenziwe ngohlobo lokuba kungabikho kuphazamisa iiklasi ezikumabakala asezantsi.
3.2 Iimviwo zeNSC zokuphela konyaka zeBakala 12:

ISetyhula 7 ka-2011 inika ingcaciso ngamalungiselelo oviwo lwe-NSC luka-Oktobha - Disemba 2011. Usuku lokugqibela lwesikolo olunyanzelekileyo kweziqhelekileyo kubafundi beBakala 12 yi-14 Oktobha 2011.

3.3 Iimviwo neemvavanyo zikaSeptemba zamaBakala 1 - 11:

  • Bonke abafundi bamaBakala 1 - 11 baqhelaniswa nokubhala iimviwo neemvavanyo ezahlukeneyo kwikota 3, kwaye ezi zingabandakanya iimvavanyo, imisebenzi yovavanyo yepraktikhali novavanyo oluqhubekela eklasini
  • Ngako oko ke, bonke abafundi bamaBakala 1 - 11, kubandakanywa nabo bahlala ehostele, kufuneka babe sesikolweni usuku olupheleleyo lwesikolo ikota yonke.
  • Kufuneka ootitshala kwakhona baqinisekise ukuba abafundi bayaligqiba elona nani lisezantsi leemvavanyo (minimum number of assessments) kwisifundo ngasinye.
3.4 Iimviwo neemvavanyo zekota 4 zamaBakala 4 - 11:

  • Bonke abafundi, abangengabo abafundi beBakala 12, mabahambe isikolo yonke imihla de kuphele ikota.
  • Abafundi mabangaze bangabikho ngeentsuku abangabhali viwo ngazo.
  • Uviwo lwabafundi bamaBakala 4 -11 malungaze luqale phambi kwe-18 Novemba 2011.
  • Ngeli thuba, abafundi mabangaze bakhululwe bagoduke phambi kwentsimbi ye-13:00.
  • Kufuneka abafundi babe sesikolweni ukuqalela kwixesha lesiqhelo lokuqala kosuku lwesikolo kwaye mabangafiki kanye nje ngexesha lokuqala koviwo.
  • Emva kokugqitywa koviwo, kufuneka abafundi bahambe isikolo de kuye kufikelela yaye kubandakanywa owe-9 Disemba 2011. Ziyacelwa izikolo ukuba zenze izicwangciso/amalungiselelo ethuba elisemva kokubhala iimviwo namakabandakanye ukuqhelaniswa kwabafundi nonyaka wesikolo olandelayo.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibacacisele gca abafundi, abazali nootitshala ngala malungiselelo ukwenzela ukuba wonke umntu acacelwe kungabikho nto kuthiwa ayiqondakali.

5. Ukulandelwa ngqo koku kulapha ngasentla zizo zonke izikolo kuya kuqinisekisa ukhuseleko nophuhliso ngokwasemfundweni kwabo bonke abantwana bethu.


ISAYINWE: NGU-L ROSE
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2011:06:23