1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ekuqinisekiseni ukusetyenziswa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu kwexesha lokufunda nokufundisa, ngakumbi ixesha lokubhalwa kweeviwo.

2. Bayacelwa bonke abasebenzi abasezikolweni nakwii-ofisi zezithili zemfundo ukuba baqaphele oku kulandelayo:
2.1 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yaso ngethuba lokubhalwa kweeviwo nasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo, kunye nokwazisa kwangokunjalo bonke abafundi, abazali kunye nee-ofisi zezithili zemfundo ngeprogram leyo.
2.2 Ziyakhunjuzwa izikolo ezifundisa amaBakala 4 - 11 ukuba uviwo malungaze luqale phambi kowe-6 Juni ne-18 Novemba 2011. Kufuneka bonke abafundi bahambe isikolo ngalo lonke ithuba lokubhalwa kweemviwo, ngaphandle kwabafundi beBakala 12, abaya kuba nelungelo lokufumana iintsuku ezi-5 phambi kokuqala koviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke lokuphela konyaka.
2.3 Izikolo eziziiprayimari mazingaze zilibeke ithuba leemviwo ukuba lisetyenziswe kuphela ukubhala iimviwo (block off an examination period), kwaye lonke uvavanyo noviwo maluqhutywe njengenxalenye yeprogram yesikolo eqhelekileyo. Ngako oko ke, izikolo eziziiprayimari azivumelekanga ukuba zivale kwangoko ngala mathuba.
2.4 Mazingaze izikolo zazise abafundi ukuba sisigqibo sabafundi ukuba baye okanye bangayi esikolweni emva kokuba iimviwo ziphelile kwikota leyo okanye xa bengabhali vavanyo okanye zimviwo.
2.5 Bonke ootitshala kulindeleke ukuba babe sesikolweni usuku lonke lwesikolo yonke imihla ngeli thuba (iiyure eziyi-35 ngeveki), kungakhathaliseki nokuba banomsebenzi wokugada abaviwa okanye abanawo.
2.6 Amagosa ezithili zemfundo aya kubeka esweni ukuphunyezwa kwale miyalelo. Ziyacelwa iinqununu kunye namabhunga olawulo ezikolo ukuba ziqwalasele ngokukodwa ukwenziwa kweeprogram zazo ngala mathuba kubhekiselelwe kuwo, ukwenzela ukuba kungabikho xesha lokufundisa elixabiseke kakhulu lilahlekayo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
SEKELA MLAWULI-JIKELELE: WECANDELO LOPHUHLISO NOQUQUZELELO
UMHLA: 2011:05:31