1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukucebisa iinqununu zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) namagosa ezithili zemfundo ngobhaliso lwabafundi kwangoko ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2012. Ichaphazela ikakhulu abantwana abangena esikolweni okokuqala ngqa, abo baqala ukungena kwisikolo esiphakamileyo okanye abo batshintsha izikolo. (Kucelwa ufunde lo mgaqo-nkqubo WCED POLICY FOR THE MANAGEMENT OF ADMISSION AND REGISTRATION OF LEARNERS AT ORDINARY PUBLIC SCHOOLS, iSetyhula 0026/2010)

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liluthatha ubhaliso kwangoko njengeprayorithi eyintsika yokuqalisa unyaka oyimpumelelo kumsebenzi wokufundisa nokufunda. Ukusetyenziswa ngokupheleleyo nangeyona ndlela enenzuzo enkulu kwexesha lokufundisa kunyaka wokufunda kuyimfuneko ukwenzela ukuphucula indlela umfundi aqhuba ngayo yaye kungenzeka oko xa abafundi besazi apho baya kufunda khona.

3. Abazali nabagcini babantwana kufuneka bakhuthazwe ukuba basebenzise amalungelo neemfanelo zabo xa kubhaliswa abantwana babo ezikolweni:
3.1 Eneneni olu luxanduva lwabazali nabagcini babantwana ukubhalisa abantwana ukulungiselela unyaka wesikolo olandelayo ukuba baza kungena kwiBakala 1, baza kutshintsha isikolo (njengokungena kwiBakala 8 okanye 9) okanye xa befudukele kwenye indawo ekummandla omtsha (new geographical area).
3.2 Abazali nabagcini babantwana mabawuqonde umahluko phakathi komntwana "obhalisiweyo" nomntwana ofakwe "kuluhlu lokulinda". Ukuba kuluhlu lokulinda akuyongqinisekiso yokuba umfundi uya kwamkelwa kweso sikolo.
3.3 NgokweSiqendu 3(1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, (uMthetho 84 ka-1996) (South African Schools Act, (Act 84 of 1996)), ukuhamba isikolo kunyanzelekile kubo bonke abafundi ukuqalela kusuku lwesikolo lokuqala lonyaka apho umfundi aza kuba neminyaka esixhenxe yobudala.
3.4 Isiqendu 5(4) salo Mthetho simisela ukuba ubudala bokwamkelwa komfundi

  1. kwiBakala R kwisikolo sikarhulumente yiminyaka emine xa eza kugqiba iminyaka emihlanu nge-30 kaJuni ngonyaka wokwamkelwa kwakhe, yaye
  2. kwiBakala 1 kwisikolo sikarhulumente yiminyaka emihlanu xa eza kugqiba iminyaka emithandathu nge-30 kaJuni ngonyaka wokwamkelwa kwakhe

Obu bobona budala BUSEZANTSI ekunga vunywa ngabo ukwamkelwa kwabo.

3.5 Abazali nabagcini babantwana mabaqale kuqala bathethe ngqo nesikolo. Kodwa ke, ukuba ngaba bafumana ingxaki ekubhaliseni abantwana babo bababhalisele u-2012, bangaqhagamshelana ne-ofisi yesithili semfundo saloo ndawo yabo bacele uncedo. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zinokufunyanwa kwesona sikolo sikufuphi.
3.6 Kuthathwa ngokuba umfundi obhalise esikolweni njengangoku uya kuqhubeka kweso sikolo ade afikelele kwibakala lokuphuma apho kuso (exit grade). Ezinye izikolo zifuna abazali baqinisekise ukuba umfundi uya kuba kweso sikolo nakunyaka olandelayo. Kwimeko enjengale, inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo mabachazele abazali ukuba benjenjalo.

4. Iinqununu zezikolo neeSGB mazazise abazali nabagcini babantwana ukuba ubhaliso lokulungiselela u-2012 lunezigaba ezibini:
4.1 isigaba sokuqala sikwikota yesibini, nesiqala ngosuku lokuqala ku-Apreli siphele nge-30 Juni 2011. (Kuvumelekile ukuba ezinye izikolo ziyiqale kwangoko le nkqubo)
4.2 isigaba sesibini sibe kwikota yesithathu, nesiqala ngoMvulo wokugqibela kuJulayi size siphele ngeveki yesikolo yokugqibela kuSeptemba.

5. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba mazibe seziziphendule zonke izicelo zesigaba sokuqala ungadlulanga owe-30 Juni 2011, ukwenzela ukuba abazali nabagcini babantwana babe nexesha elaneleyo lokukhangela ezinye izikolo ezisenezithuba.

6. Ziyacelwa iinqununu neeSGB ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali nabagcini babantwana.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:04:29

"South African Schools Act (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 56 KB)