1. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) namasebe emfundo amaphondo alithoba aya kuququzelela ukhuphiswano lomculo iSouth African Schools' Choral Eisteddfod (SASCE) kwizikolo eziziiprayimari neziziisekondari ngo-2011.

2. I-eisteddfod ilungiselela iimvumi ezicula ngazodwa ii-soloists, amaqela (ensembles) kunye neekwayara zezikolo kula macandelo alandelayo:

  1. ISigaba seSiseko
  2. ISigaba esiPhakathi
  3. ISigaba saBadala
  4. ICandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo
3. Kukho amaculo amiselweyo kuwo onke amacandelo. Iikwayara ezinganqweneli kuthatha nxaxheba kumacandelo amaculo amiselweyo zivumelekile ukuba zicule iingoma ezizikhethele zona.

4. Imijikelo yokukhiqana yeekwayara zezithili zemfundo (district elimination rounds) iya kubanjwa ngo-Apreli noMeyi. Esona sithili siqhube kakuhle kakhulu kwiikwayara zeZigaba eziPhakathi, zeZigaba zaBadala neZigaba zeFET siya kucelwa sithathe inxaxheba kukhuphiswano lokugqibela lwephondo (provincial finals), noluya kubanjelwa eKapa ukususela nge -13 - 15 Meyi 2011.

5. Iikwayara nee-soloists zephondo ngalinye eziphume phambili ziya kucelwa ukuba zimele amaphondo azo kukhuphiswano lokugqibela lukazwelonke (national finals) ePitoli ukususela nge-30 Juni - 3 Julayi 2011.

6. Amanqaku omculo anokukotshwa kweli ziko lewebhu leSebe leMfundo esiSiseko apha www.education.gov.za

  1. Klikha ku: Thutong Portal
  2. Klikha ku: Curriculum and Examination
  3. Klikha ku: School Enrichment
  4. Kopela umculo nemigaqo yokuthatha inxaxheba.
7. ISebe iWCED livelise ushicilelo lwamaculo amiselweyo (prescribed music) onokuwakopa kweli ziko lewebhu yeSebe iWCED apha http://curriculum.wcape.school.za/ phantsi kwe Music Downloads).

8. Oomasifundisane bokuqeqesha ababhexeshi beekwayara (choir directors) baya kuqhutywa kwii-ofisi zezithili zemfundo. Umjikelo wesibini woomasifundisane ucwangciselwe iiholide zikaMatshi nezango-Apreli.

9. Ziyakhuthazwa zonke iikwayara zezikolo ukuba zithathe inxaxheba kule eisteddfod. Ukungenela, kucelwa uzalise le fom yobhaliso uze uyithumele ngefeksi okanye nge-imeyili ungadlulanga owe-31 Matshi 2011 kwi-ofisi yesithili yakho kwifeksi efanelekileyo okanye uyithumele nge-imeyili elapha ngezantsi.

I-ofisi yesithili semfundo Iinkcukacha zefeksi ye-imeyili yaseburhulumenteni
Metropole Central Mnu J. Petersen
Ifeksi: 021 514 6953
I-imeyili: jpetersen@pgwc.gov.za
Metropole East Nks M.J. Swartz
Ifeksi: 021 903 2149
I-imeyili: mjswartz@pgwc.gov.za
Metropole North Mnu K. Tabisher
Ifeksi: 021 938 3184
I-imeyili: katabish@pgwc.gov.za
Metropole South Mnu R. Job
Ifeksi: 021 372 1856
I-imeyili: rjob@pgwc.gov.za
West Coast Nks C. Beukes
Ifeksi: 021 860 1231
I-imeyili: cbeukes@pgwc.gov.za
Cape Winelands Nks C. Rousseau
Ifeksi: 023 342 4138
I-imeyili: caross@pgwc.gov.za
Overberg Mnu K. Mike
Ifeksi: 028 214 7400
I-imeyili: kmike@pgwc.gov.za
Eden and Central Karoo Mnu C. Temmers
Ifeksi: 044 873 2253
I-imeyili: ctemmers@pgwc.gov.za

10. KUcelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ababhexeshi beekwayara zezikolo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WESEBE ELIKHULU LOPHUHLISO NOQUQEZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2011:03:11