1. IYunithi yeProgram yeMfundo ngeZakhono zoBomi zeHIV/AIDS yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department's HIV/AIDS Life Skills Education Programme Unit) inqwenela ukwazisa bonke abafundi, abaqeshwa beSebe iWCED nabazali ukuba owe-1 Disemba 2011 luSuku lweAIDS lweHlabathi lwaMazwe ngaMazwe. USuku lweAIDS lweHlabathi lubalulekile

  • ekuthinteleni ukunwenwa kweHIV;
  • ekuboneleleni ngononophelo nenkxaso abafundi abasuleleke nabachatshazelwe yiHIV/AIDS;
  • ekukhuseleni umgangatho wemfundo;
  • ekulweni ukuqala ugwebe (prejudice), ukubeka ibala (stigma) nocalucalulo (discrimination);
  • ekwandiseni ukuqatshelwa nolwazi ngayo; kunye
  • nasekuzeni nempendulo evokothekileyo kwimingeni.
2. Umxholo ka-2011 uthi "Getting to Zero" o.k.t. "Ukuya kuFikelela ekuYipheliseni Nya" USuku lweAIDS lweHlabathi ngo-2011 lumalunga noku "Ukuya kuFikelela ekuYipheliseni Nya" - kungabikho lusuleleko lutsha yiHIV, kungabikho calucalulo kungabikho nakufa kunxulumene neAIDS. Iinkokeli zethu zezopolitiko zizibophelele ekusebenzeleni ukuba ihlabathi liphela lifikelele kunyango lweHIV/AIDS, kuthintelo nakunonotshelo (care), nezikuthatha oku njengamalungelo oluntu asisiseko. Ukunyashwa kwamalungelo oluntu kuphembelela ngamandla ukunwenwa kweHIV, kwandisa inani leenkedama, abantwana abasemngciphekweni (vulnerable children), abasebenzisi beziyobisi notywala gwenxa nolutsha elizweni lethu olusesichengenni sengozi nangakumbi.

3. NgokweSaveyi yoLutsha oluseSichengeni seNgozi kaZwelonke (National Youth Risk Survey), eyenziwa liBhunga loPhando lwezoNyango (Medical Research Council) ngo-2008, i-37.5% yabafundi bethu (amaBakala 8-11) sebakhe bazibandakanya kwiindibano zesondo, abayi-19% baye bakhulelwa, abayi-17.7% banomntwana, abayi-8.2% bakhupha izisu, abayi-4.4% basuleleka zizifo ezisulela ngezesondo. Ukongeza, abayi-41% basebenzisa utywala baze abayi-9.3% bakhe banikwa okanye bathenga iziyobisi, zombini ezi zinto zinxulumene nokuziphatha ngokwezesondo okuyingozi.

4. Ngenxa yezi zizathu zingasentla, iSebe iWCED neYunithi yalo yeProgram yeMfundo ngeZakhono zoBomi zeHIV/AIDS livakalisa inkxalabo ngabafundi ababandakanyeka kwiindlela zokuziphatha ezibabeka engozini, likwaqhwabela izandla bonke abo benze izigqibo ezizizo ngempilo yabo.

5. USuku lweAIDS lweHlabathi, lunika ithuba bonke abafundi, ootitshala, amabhunga olawulo ezikolo, abazali nabanye abathathi-nxaxheba ezikolweni ukuba bathathe inyathelo baze baqinisekise ukuba amalungelo oluntu ayakhuselwa, nokuba izikolo zethu zigxininisa ukukhuthazwa kokuthintela, ukunyanga, ukunonophela, ukukhuseleka ngokwasemzimbeni nangokwasengqondweni kwabo bonke abafundi, nasekupheliseni ukubeka ibala, ukucalucalula, ukungcungcuthekisa ngokwezesondo nempatho-mbi.

6. Izikolo zethu ngamaziko okunonophela nokunika inkxaso abafundi bethu, naqinisekisa ukuba umfundi ngamnye ufikelela kwiitalente zakhe ngokupheleleyo. ISebe iWCED linqwenela ukubulela zonke iinqununu zezikolo, ootitshala, abafundi nabazali abaye bathi, ngaye wonke u-2011, babonisa ukuzimisela nokuzinikela kwabo ekulweni ubhubhane weHIV ogqugqisa ilizwe lethu.

7. Uyakhuthazwa kwakhona ukuba ugxininise kuSuku lweAIDS lweHlabathi kwaye usebenziseni uthakazelelo nobuchule bendalo wenze iiprogram neziganeko zange-1 Disemba 2011, zoSuku lweAIDS lweHlabathi.

8. Ukuba kukho nasiphi na isikolo esifuna inkxaso malunga neeprogram zoSuku lweAIDS lweHlabathi, masingathandabuzi ukuqhagamshelana nomphathi weProgram yeHIV/AIDS yeSebe iWCED, uLoretta Erasmus, loerasmu@pgwc.gov.za

9. Kucelwa wazise le ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE:WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2011:11:01