1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukwazisa bonke ootitshala, abafundi nabazali ukuba, ngentsebenziswano neSebe lezeMpilo kunye namanye amahlakani, siya kuba sithatha inxaxheba kwiPhulo leeNgcebiso nokuXilongelwa iHIV leZikolo kuZwelonke (National Schools HIV Counselling and Testing) (HCT) Campaign).

2. Ingcebiso nokuxilongelwa iHIV ngokuzithandela (voluntary HIV counselling and testing) kuya kwenziwa ezikolweni njengenxalenye yephakheji ebanzi yezempilo yokutshekishwa ebandakanya oku kulandelayo:

  • Ukuxilongelwa iHIV
  • Ukutshekishwa amehlo
  • Ukutshekishwa iindlebe
  • Ukutshekishwa i-TB
  • Ukutshekishwa ii-STI
  • I-BMI (ubude nobukhulu bomzimba), kunye nobunzima nobude
3. IPhulo leHCT leZikolo (Schools HCT Campaign) liya kujolisa kwizikolo eziziisekondari, apho kuya kuba liSebe lezeMpilo eliya kwenza uxilongo. ISebe iWCED liya kuqalisa iPhulo leHCT leZikolo (Schools HCT Campaign) ngale ndlela ilandelayo:
3.1 Zonke izikolo eziziisekondari ziya kufumana iincwadi zokufunda ezinika ingcaciso ngendlela eli phulo eliya kuqhutywa ngayo ezikolweni, kwakunye nelisti yezinye iindawo zokuxilongela.
3.2 Lonke uxilongo luya kwenziwa emva kweeyure zezikolo, ngeempela-veki nangeeholide zesikolo.
3.3 Izikolo ezikhetha ukuba inkqubo yoku kutshekisha yenziwe ezikolweni zazo mazizalise ifom yesicelo eqhotyoshelwe apha ziyithumele kwiWCED's HIV/AIDS Life Skills Unit.
3.4 IWCED HIV/AIDS Life Skills Unit iya kuthi emva koko iqhagamshelane neSebe lezeMpilo egameni lesikolo.
3.5 Zonke izikolo eziziisekondari ziya kukhuthaza abafundi, ootitshala nabazali abangabahlali ukuba bazi ngobume babo malunga ne-HIV nokuba bathathe amanyathelo okuqulela okungekehli (proactive steps) anjongo ikukukhuthaza ukuzigcina usempilweni entle, kungakhathaliseki bume bakho ngokumalunga neHIV. Ukukhulelwa kolutsha, nokusetyenziswa kweziyobisi notywala kufuneka kwakhona kubandakanywe kweli phulo liza kwenziwa.
3.6 ISebe iWCED liya kuqhubeka ithuba elide lixhasa eli phulo nokuba sekukudala lidlulile eli phulo njengoko iHCT iyindlela yokuzigcina usempilweni entle ozikhethela yona (healthy lifestyle choice) yaye iyingxam yemfundo yezakhono zobomi yokuthintela izifo kwikharityhulam iphela.

4. IPhulo leHCT leZikolo likhuthaza indlela yokuzigcina usempilweni entle kwaye libonelela ngeenkqubo zongenelelo ngoncedo ezithintela ukusuleleka okutsha phakathi kwabantu abatsha. Sijonge ngethemba lokuba izikolo ziiphendule ngokuthi zilamkele eli thuba lihle kangaka lokukhuthaza impilo.

5. Yonke imibuzo mayithunyelwe kuMphathi weProgram yeHIV/AIDS, uLoretta Erasmus-Arendse, kule dilesi ye-imeyili loerasmu@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2127.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:02:15

IFOM YOKWENZA ISICELO  (ubukhulu: 10 KB)