1. Injongo yale ngcaciso kukucacisa umgaqo-nkqubo we-IQMS ongokukhethwa kootitshala abangamahlakani (peers) ngootitshala abanika inkxaso ekufundeni (learning support (LS) Educators).

2. Ngenxa yezi zizathu zilandelayo, kunyanzelekile ukuba abacebisi ngeze-LS bathathe inxaxheba njengeesuphavayiza kwinkqubo ye-IQMS esebenza kootitshala abazii-LS Educators.
2.1 Umcebisi ngeze-LS yingcali kwezenkxaso ekufundeni kwizikolo eziqhelekileyo yaye unolwazi olufanelekileyo ngemisebenzi yee- LS Educators.
2.2 Umcebisi ngeze-LS ligosa ekulelona lithwele uxanduva lokuqinisekisa ukuba i- LS Educator yenza inkonzo eyiqeqeshelweyo (professional service) esikolweni.
2.3 Umcebisi ngeze-LS, esebenzisana notitshala olihlakani (peer) okwigqiza le-LS Educator's Developmental Support Group (DSG), unoxanduva lokuphuhlisa ukuqeqeshelwa umsebenzi (professional development) kwe-LS Educator kwaye kufuneka azi ncam ngeemfuno noqeqesho kumsebenzi we-LS Educator.
2.4 Kufuneka umcebisi ngeze-LS asebenzise ingxelo ngokuqhubekayo (feedback) evela esikolweni ngethuba lenkqubo ye-IQMS ukwenzela ukuba akwazi oko kufuneka kwenziwe ekunikeni inkxaso nophuhliso olwenziwa yi-ofisi yesithili kwi-LS Educator.

3. Umcebisi ngeze-LS usebenza njengesuphavayiza kwiDSG kwaye i-LS Educator ikhetha ihlakani enokusoloko isebenza kunye nalo kwesinye sezikolo zayo. Oku kungqinelana nemigaqo yeSigqibo seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 8/2003 (provisions of Collective Agreement 8/2003), njengoko umcebisi ngeze-LS engumphathi osemthethweni (official line manager) we-LS Educator kwaye unikwe umsebenzi wokusuphavayiza nokuphuhlisa ii-LS Educators. Ngeendlela ezininzi oku kukwafana nendlela iDSG yeenqununu eyakhiwe ngayo, apho umphathi weze-IMG ayisuphavayiza (nangona umphathi lo engasoloko esebenza kunye nenqununu yonke imihla), kwaye iyinqununu ekhetha ihlakani layo.

4. Nganye i-LS Educator mayiqinisekise ukuba bayalugqiba uvavanyo i-summative evaluation kunye nootitshala bebonke kweso sikolo sabo basebenzela kuso (base school) ngethuba eliqalela kwinyanga ka-Agasti ukuya ku-Oktobha, kwaye amagama abo ayavela kuxwebhu lokugqibela i-final QA7 summary sheet of the base school. Makuthikishwe ikholam enesihloko esithi "LS Educator" kwifom i-QA7 emelene negama le-LS Educator. Ezi QA forms 1, 3, 4, 5 no-6 mazizaliswe yi-LS Educator nganye. Ii-QA forms ezizalisiweyo mazifayilishwe kwifayili ye-IQMS katitshala.

5. Njengoko ii-LS Educators zisuphavayizwa ngabacebisi ngeze-LS kwii-ofisi zezithili zemfundo, zonke ii-LS Educators kufuneka ziwulandele ngqo lo myalelo.

6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:02