1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngokwenjenje libhengeza upapasho lweZintlu zeZithuba 4 no- 5 zika -2011, zomhla we-10 Agasti 2011.

2. Izintlu zeZithuba 4 zenzelwe kuphela abantu abanqwenela ukwenza isicelo kwizithuba zeenqununu.
2.1 Abantu abafaka izicelo kwizithuba zeenqununu mabasebenzise ezi linki zilandelayo kwiziko lewebhu leSebe iWCED:
http://www.ayandambanga.co.za/eng.php - ilinki xa usenza isicelo ngesiNgesi
http://www.ayandambanga.co.za/afr.php - ilinki xa usenza isicelo ngesi-Afrikansi
2.2 Abenzi-sicelo mabaqaphele ukuba kuya kwamkelwa kuphela izicelo zekhompyutha (online applications) kwizithuba ezikuLuhlu lweZithuba 4.

3. ULuhlu lweZithuba 5 lunezithuba zonyuselo-sikhundleni, kodwa ezingezizo izithuba zeenqununu, neZithuba zeNqamaba 1. Yinkqubo yokwenza isicelo eqhelekileyo esetyenziswa kwezi zithuba.

4. Ezi zintlu zezithuba ziyafumaneka kwi-Walk-in Centre kwaNdlunkulu weSebe iWCED yaye zinokujongwa nakwiziko lewebhu leWCED apha http://wced.wcape.gov.za
Makuqatshelwe ukuba izintlu zezithuba aziyi kusiwa ziyikopi eprintiweyo kumaziko emfundo.

5. Ixesha lokuvala nomhla wokwamkelwa kwezicelo kuLuhlu lweZithuba 4 no-5 ngu-16:00 ngoLwesithathu, we-7 Septemba 2011.

6. ULuhlu lweZithuba 6 nale shedyuli ilandelayo ziya kulandela uLuhlu lweZithuba 5:

Izinto ezenziwayo Umhla
ISebe i-WCED livulela amaziko emfundo nezithili zemfundo uluhlu lwezithuba kwikhompyutha (electronic vacancy list) ungadlulanga owe- 2 Septemba 2011
Iinqununu neeSGB nabaphathi beesekethe mabafake izithuba kwiziko lewebhu ungadlulanga owe- 29 Septemba 2011
Umhla wokuvala kubaphathi beekomiti zeesekethe ukutshekisha nokungqinisisa izaziso zezithuba 30 Septemba 2011
UMHLA WOLUHLU LWEZITHUBA 17 Oktobha 2011
Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo 31 Oktobha 2011
ISebe iWCED lithumela izicelo ezikolweni 7 Novemba 2011
Ii-SGB/Izikolo zingenisa amagama abatyunjwa kwiSebe iWCED 23 Novemba 2011
ISebe iWCED lazisa abenzi-sicelo ngokuqeshwa kwabo 30 Novemba 2011
Umhla wokuqeshwa 1 Januwari 2012

7. Iya kuthakazelelwa kaqkhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo yaye iya kuqinisekisa ulawulo oluyimpumelelo lwalo msebenzi ubalulekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:08:10