1. ISahluko 7, iSiqendu 33 kuMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (UMthetho 76 ka-1998); uMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994, ofakelwe izilungiso; neSiqendu 30 (b) kwiMimiselo yeNkonzo kaRhulumente ka-2011, zasisa bonke abasebenzi ngemfanelo esisinyanzelo yokwenza isicelo kwaNdlunkulu malunga nokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente.

2. Umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente uchazwa ngolu hlobo lulandelayo:

"Nawuphi na umsebenzi owenziweyo ongenguwo umsebenzi womqeshi osisigxina, kungakhathaliseki nokuba kukho intlawulo okanye akunjalo"


3. Le mizekelo ilandelayo yeyemisebenzi ehlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente:

  • Ukuziqesha ngokwakho kwishishini lakho, umz. ithakhishophu (tuck shop), inkonzo yeteksi (taxi service), inkonzo yebhasi (bus service), ishishini lokuchwela (carpentry), elokwakha (building), ishishini lokukhanda (mechanical repairs)
  • Ukusebenzela enye inkampani, umzekelo isayikholojisti, inesi, unontlalontle, umthengisi
  • Inkampani eyi-Consultancy umz. Ihlakani i-HR partner, inkampani yokwazisa ngeemveliso neenkonzo (marketing), ukuthengisa iimveliso
  • Amalungu eQumrhu, umz. abaphicothi (auditors), i-foundation, ukuba ngumlawuli (directorship)
  • Ukuqalisa ishishini lakho umz. umbhali, umpapashi.
4. Amanyathelo afunekayo xa usenza isicelo sokuvunyelwa ukuba wenze imisebenzi eyahlukileyo ehlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente acaciswe kwezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo:

  • siHlomelo A : Imigaqo ngokubanzi malunga nezicelo zokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente
  • IsiHlomelo B: Imigaqo ngokubanzi malunga nezicelo zokuqhuba ishishini labucala (private practice) (umzekelo : isayikholojisti, ifizotherapisti, i-otyhupheshinali-therapisti (occupational theraphist)
  • IsiHlomelo C: Imigaqo ngokubanzi malunga nokwenza isicelo sokuqhuba ishishini labucala kunye/okanye ukubhalisa inkampani eyi-closed corporation
5. Ootitshala abakumaziko abanqwenela ukwenza umsebenzi ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kungakhathaliseki nokuba baya kuba befumana intlawulo na ngalo msebenzi okanye akunjalo, mabangenise isicelo esicela imvume yokwenza oko. Makunikwe iingcebiso ngazo zonke izicelo ngaba bantu balandelayo:

  • Inqununu
  • Ibhunga lolawulo lesikolo
  • Umphathi wekomiti yesekethe
6. Abasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko abanqwenela ukwenza umsebenzi ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kungakhathaliseki nokuba baya kuba befumana intlawulo na ngalo msebenzi okanye akunjalo, mabangenise isicelo esicela imvume yokwenza oko. Makunikwe iingcebiso ngazo zonke izicelo ngaba bantu balandelayo:

  • Inqununu yesikolo
  • Ibhunga lolawulo lesikolo
  • Umphathi wekomiti yesekethe
  • Umlawuli wesithili semfundo
7. Ootitshala abasezi-ofisini nabasebenzi benkonzo karhulumente abakwaNdlunkulu nakwizithili zemfundo abanqwenela ukwenza umsebenzi ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kungakhathaliseki nokuba baya kuba befumana intlawulo na ngalo msebenzi okanye akunjalo, mabangenise isicelo esicela imvume yokwenza oko. Makunikwe iingcebiso ngazo zonke izicelo ngaba bantu balandelayo:

  • Isuphavayiza
  • Umlawuli
8. Abaqeshwa abenza kungokunje umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente okanye abanenjongo yokuqhubeka besenza loo msebenzi, mabaqinisekise ukuba bangenisa izicelo zabo ezicela imvume yokuqhubeka nokwenjenjalo ungadlulanga owe-20 Januwari 2012 kwiNtloko yezeMfundo (Maziqwalaselwe nguMlawuli weCandelo loLawulo lwaBasebenzi). Abenzi-sicelo baya kwaziswa ngeziphumo zezicelo zabo ungadlulanga owe-17 Februwari 2012.

9. Ukungaphumeleli komqeshwa ukufumana imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente kuya kuba nesiphumo sesohlwayo kulo mqeshwa uchaphazelekayo.

10. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo abaphantsi kweliso lakho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:12

"Employment of Educators Act, 1998 (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 71 KB)
"Public Service Act,1994"  (ubukhulu: 183 KB)

"Application to perform remunerated work outside the public service (RWOPS)"  (ubukhulu: 33 KB)

IsiHlomelo A: "General principles regarding applications to perform remunerated work outside the public service"
(ubukhulu: 12 KB)
IsiHlomelo B: "General principles regarding applications to run a private practice"  (ubukhulu: 15 KB)
IsiHlomelo C: "General principles regarding applications to run a private business and/or to register a closed corporation"
(ubukhulu: 12 KB)