1. INTSHAYELELO
1.1 IMimiselo neMigangatho emitsha yabasebenzi abanika inkxaso kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo yavunywa ukususela nge-1 Oktobha 2011 yaye yakhutshelwa zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.
1.2 Ukuphunyezwa kwemimiselo nemigangatho yango-2012 kube nesiphumo sokuba kudalwe izithuba eziyi-31 zoomabhalana bolawulo (administration clerk posts) neziyi-159 zabancedisi jikelele njengenxalenye yeSigaba 1 sokuphunyezwa kwemimiselo nemigangatho emitsha.
1.3 ISebe leMfundo eNtshona Koloni (WCED) liya kuba lipapasha ezi zithuba zoomabhalana nezabancedisi jikelele kuluhlu lwezithuba ezivulelekileyo ukwenzela ukuba kudalwe uzinzo olungaphezulu kumaziko emfundo.

2. IZIBHENGEZO
2.1 Izibhengezo ziya kuhlelwa ngokwamaqela ezithili zemfundo kuluhlu lwezithuba.
2.2 Kuya kusetyenziswa le mihla imiselweyo ilandelayo:

  Umhla wokupapashwa koluhlu lwezithuba: 7 Disemba 2011
  Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo: 14 Januwari 2012
  ISebe iWCED lithumela izicelo ezikolweni: 9 Februwari 2012
  Ii-SGB zezikolo zingenisa amagama abatyunjwa kwiWCED: 27 Februwari 2012
  Umhla wokuqeshwa: 1 Apreli 2012
2.3 Upapasho lwesaziso sesithuba akuthethi kuthi ukuzaliswa kwaso kuya kugunyaziswa liSebe iWCED. Isithuba sinokupapashwa ngempazamo, yaye ke ngoko iSebe iWCED linelungelo lokusithatha njengesihlatyiweyo isithuba sengqesho esingenako ukuzaliswa.
2.4 Ezi zintlu zezithuba ziyafumaneka kumaziko azii-Walk-in Centre kuNdlunkulu weSebe iWCED yaye zinokujongwa kwiziko lewebhu leWCED apha http://wced.wcape.gov.za Makuqatshelwe ukuba izintlu zezithuba aziyi kuthunyelwa kumaziko emfundo zizikopi ezingamaphepha.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
UMLAWULI OYINTLOKO WOLAWULO LWABASEBENZI
UMHLA: 2011:12:07