1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhupha iilisti zezithuba zomsebenzi ezintlanu ngo-2012. Imihla yokupapashwa kwezi zithuba zomsebenzi, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwisihlomelo esiqhotyoshelweyo.
2. ISe ISebe iWCED alisayi kuba neelisti zezithuba zomsebenzi ezahlukeneyo kumanqanaba ezithuba ahlukeneyo. Zonke izithuba zomsebenzi kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiilisti zezithuba zomsebenzi kwangethuba kangangoko kunokwenzeka. Nakuba kunjalo, izithuba zeenqununu ziya kupapashwa xa kukho imfuno yazo ngoko ke aziyi kuba yinxalenye yethayimthebhile yeListi yeZithuba zoMsebenzi ngo-2012. Kwixa elizayo, ilisti yezithuba zomsebenzi eyidrafti esisigxina iya kuvulwa rhoqo kwiziko lewebhu leWCED, yaye izibhengezo ezifakwe ingadlulanga imihla yokuvala echazwe kwithayimthebhile yeListi yeZithuba zoMsebenzi, ziya kupapashwa kwiListi yeZithuba efanelekileyo kumhla wokuvala ngamnye.
3. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba baqinisekise ukuba izaziso zizaliswa ekhompyutheni (filled in electronically) kwidrafti yelisti yezithuba zomsebenzi ekwiziko lewebhu leSebe iWCED apha: http://wced.pgwc.gov.za. Azisayi kwamkelwa iifom zezaziso zezithuba zomsebenzi ezibhalwe ngesandla. Iinqununu mazithetha-thethane nabaphathi beekomiti zeesekethe xa zinengxaki ngenkqubo yokuzalisa izaziso zezithuba zomsebenzi eziyidrafti kwiziko lewebhu. Uyacelwa ukuba ufunde iSetyhula 0010/2005 ye-18 Julayi 2005 malunga nalo mba. Iinqununu ezingenako ukufikelela kwiziko lewebhu maziqhagamshelane nabaphathi beekomiti zeesekethe bazo.
4. ya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo njengoko iyakuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwalo msebenzi ubalulekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:12:06

"WCED Institution-based Educator posts roster for 2012 Vacancy Lists"  (ubukhulu: 19 KB)