1. ISebe iWCED linqwenela ukuqalisa indlela elula yokwenza IziCwangciso zokuPhucula iSikolo (SIPs) kunye neeNgxelo zoNyaka zeSikolo ngo-2012.

2. Kufuneka ii-SIPs ziphumeze oko kukumbono neenjongo zeSebe iWCED, okukoku, "Ukudala ithuba kumntu wonke ngokuthi kuphuculwe iziphumo zemfundo " kwakunye noku kulandelayo:
2.1 ukuphucula ulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwizikolo eziziiprayimari
2.2 ukuphucula amanani abafundi abapasa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke nomgangatho wokupasa
2.3 nokunciphisa amanani ezikolo eziqhuba kakubi

3. Iinjongo zeSebe iWCED ziyasixhasa isiCwangciso sokuza Kwenziwa sika-2014 (Action Plan 2014) seSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke, nesilandelela iqela lezalathisi ukujonga inkqubela kwinkqubo yezemfundo. Uluhlu lwazo luqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.

4. Ngenxa yoku kulapha ngentla, isicwangciso i-SIP neNgxelo yoNyaka yeSikolo, ziya kwenziwa zibe lula ukwenzela ukuba kugxininiswe kwezi zalathisi ziqhelekileyo (common indicators). Kungongezwa ke ezinye izalathisi.

5. Ukususela ngoJanuwari 2012 isicwangciso i-SIP neNgxelo yoNyaka yeSikolo, zombini, ziya kufakwa kwiCEMIS. Oku kuya kunika izikolo ithuba lokuqwalaselisisa iimeko eziqhubeka kuzo (study their own trends) ukwenzela ukuba zenze izigqibo ngeethagethi zinolwazi. Isicwangciso i-SIP siya kuba sesifakwe salungiswa kwangaphambili ngeeseti zedatha yamanani ukuncedisa ekwenzeni uqikelelo lwamanani. Ithemplethi emayizaliswe iya kuba namacandelo eminyaka 2012 - 2014, ukukhuthaza ukumiselwa kweethagethi zethuba elide.

6. Umhla elindeleke ngawo iNgxelo yoNyaka yeSikolo ka-2011 kunye nesicwangciso i-SIP sika-2012, zombini, ngowe-30 Januwari 2012. Idatha yokwandlalela (baseline data) yesicwangciso iya kuba yidatha ka-2011 - kungoko ke izikolo zingasayi kucelwa ukuba zizalise iNgxelo yoNyaka yeSikolo ka-2011. Idatha iya kuthathwa kwisicwangciso sokuphucula isikolo.

7. Ikhithi yezixhobo ekwikhompyutha (online toolkit) iya kuvulelwa izikolo ukuba zibe nokuyijonga ukuqala nge-30 Novemba 2011 ize ivulelwe ukufaka idatha ukususela nge-9 Januwari 2012. Abaphathi beze-IMG baya kusisayina isiCwangciso sokuPhucula iSikolo ungadlulanga owe-15 Februwari 2012. Abaphathi beze-IMG baya kuqhagamshelana nezikolo ukuba kukho naluphi na utshintsho apha naphaya oluyimfuneko. Kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba iintlanganiso eziyimfuneko zokusayina kunye neSGB ziyacwangciswa kwasekuqaleni kunyaka omtsha.

8. Izalathisi zephondo, ngendlela eshwankathelayo, zimi ngale ndlela ilandelayo:
8.1 IsiCwangciso sokuPhucula ukuPasa kwaBafundi kwiZifundo (Academic Performance Improvement Plan): iithagethi zamanani abafundi abafunda nabapase iilwimi nemathematika (AmaBakala 1 - 9) kunye nakuzo zonke izifundo (AmaBakala 10 - 12)
8.2 Inani elingumndilili leentsuku angekhoyo ngazo ngamnye umfundi esikolweni
8.3 Inani elingumndilili leentsuku angekhoyo ngazo ngamnye utitshala
8.4 Inani lootitshala abafundisa izifundo nabanamabanga emfundo afanelekileyo
8.5 Inani labafundi abangapasanga o.k.t abaphinda unyaka
8.6 Inani labafundi abaqhubekayo befunda esikolweni
8.7 Inani elingumndilili leeyure ezichithwe ngootitshala kuqeqesho
8.8 Umlinganiselo wenani labafundi elifundiswa ngutitshala
8.9 Inani leencwadi ezi-odolweyo, ezifikileyo, ezikhutshiweyo nezibuyiswe ngabafundi
8.10 Ukufika nokusetyenziswa kweencwadi zomsebenzi
8.11 Iprogram yolondolozo lwezakhiwo neempahla
8.12 Ukubonelelwa nokusetyenziswa kweedesika/iitafile nezitulo
8.13 Ukuza kwabazali kwiintlanganiso

9. Ziya kucelwa nazo izikolo ukuba zireyithe iinkonzo zenkxaso ezenziwa zii-ofisi zezithili zemfundo zazo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:11:16

isiHlomelo A  (ubukhulu: 42 KB)