1. Umhlathi 8.3.3.6 we-Accounting Officer's System ucacisa ukuba makungabikho zithenda zivalwayo ngethuba elisusela kwi-15 Disemba ukuya kwi-15 Januwari nakowuphi na unyaka-mali. Ngako oko ke, iirikhwizishini zokuthengwa kwezi zinto zilandelayo kunyaka-mali ka-2011/12 mazingeniswe kwiCandelo loLawulo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo (Attention: Mr RL Africa) ungadlulanga owe-15 Novemba 2011:

  1. Iimpahla neenkonzo ezithengwe ngokusebenzisa ithenda, ngokuxhomekeka ekubeni ezo zinto zithengwayo zikho kwisicwangciso sokuthengwa kweempahla neenkonzo secandelo (component's procurement plan) elichaphazelekayo;
  2. Zonke izixhobo (ezinjengefanitshala okanye iimpahla ezinxulumene ne-ICT) kunye neenkonzo ekusetyenziswa kuzo izixhobo ezinxulumene noku;
  3. Ezinye iimpahla (ezinjengeemfuno ze-ofisi neekhatriji zeeprinta) nezinye iinkonzo.
2. Abaphathi abathweswe uxanduva lwestokhwe (responsibility managers) mabaqhoboshele ifom yesitraksha senkcitho yeBAS (BAS expenditure structure form (PGWC 002)) ezaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo kwiirikhwizishini zabo kunye nee-specifications zeempahla okanye zeenkonzo ezichaphazelekayo. Isixa-mali esabelwe into nganye okanye inkonzo nganye masiboniswe naso kwifom PGWC 002. Ukuba akuqinisekanga ngesitraksha seekhowudi, thetha nabeCandelo loLawulo loSetyenziso-mali (Directorate: Management Accounting) ukuba bakuxelele. Malunga nemihlathi (i) no-(ii) apha ngentla, abaphathi abathweswe uxanduva lwestokhwe mabangenise kunye neerikhwizishini zabo ingqinisekiso yokuba ikho imali yenkonzo leyo kunyaka-mali ka-2012/13, njengoko kungekho ngqinisekiso yokuba iimvumelwano ezifunwayo zingazalisekiswa kunyaka-mali ka-2011/12.

3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.

4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
UMLAWULI OYINTLOKO: WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2011:11:03