1. Okufakwe apha zizatifikethi zenu oo-IRP 5 kunye/okanye IT 3(a) bonyaka werhafu 2010/2011.

2. Ezi zatifikethi mazinikwe abasebenzi abaqeshiweyo njengangoku kwelo ziko. Kucelwa uncede uqinisekisa ukuba izatifikethi zabasebenzi ababesenkonzweni kwelo ziko ngonyaka werhafu 2010/2011, kodwa ngoku abasele bengasekho apho kwiziko lakho, zithunyelwa kwiipheyipoyinti zabo ezintsha okanye kwiidilesi zabo zasekhaya ngokukhawuleza, okanye zibuyiselwa kule ofisi.

3. Uxwebhu oluneenkcukacha (control sheet) oluqhotyeshelweyo malungqinwe ukubonisa ukuba zifunyenwe yaye malubuyiselwe ngokukhawuleza kule dilesi ilandelayo ngeenjongo zokugcina iirekhodi:

  Head: Education
Tax Section (7th Floor)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

4. ICandelo leRhafu leli Sebe lidla ngokuxinwa zizicelo zokunikwa izatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi. Kucacile ukuba abanye abasebenzi abazithathi njengezibalulekileyo izatifikethi zabo yaye ke oku kubangela umthwalo onzima womsebenzi ongeyomfuneko kule ofisi.
4.1 Ngako oko ke bayacelwa bonke abasebenzi ukuba, bakufumana izatifikethi oo-IRP5 babo, mabazigcine izatifikethi zabo kwindawo ekhuselekileyo.
4.2 Kuphela sisicelo esibhaliweyo esicela isatifikethi IRP5 esiyidyuplikheyithi esiya kwamkelwa.
4.3 Ngesatifikethi esiyidyuplikheyithi kuhlawulwa intlawulo eyi-R40.00 ukususela kunyaka werhafu ka-2008.

5. Kucelwa bonke abaqeshwa ukuba bangqinisise inombolo yerhafu (tax number) ekwisatifikethi sabo ukuba ngaba yechanekile kusini na. Ukuba ayikho inombolo yerhafu kwaye umqeshwa ungumrhafi obhalisiweyo (registered tax- payer), kufuneka ke ngoko angenise inombolo yerhafu yakhe kule ofisi (Tax Section) ukwenzela ukuba kuhlaziywe irekhodi yePersal yakhe. (Makungeniswe ikopi yengxelo yerhafu (tax return) okanye ileta evela kwabeNkonzo yeNgeniso yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service (SARS)) ekukho kuyo inombolo yerhafu njengoxwebhu lokungqinisisa.

6. U-SARS ubhengeze ukuba kwixa elizayo bonke abaqeshwa kuza kufuneka babhalise njengabarhafi, kungakhathaliseki mvuzo ofunyanwayo (kwakunye nabo bafumana imivuzo engaphantsi komyinge we-R60 000.00 ngonyaka). Ngako oko ke bayacetyiswa bonke abaqeshwa ukuba babhalise ngokukhawuleza baze emva koko bangenise inombolo yerhafu yabo kwiSebe iWCED.

7. Kulo nyaka ithuba ekufuneka kuthi ngalo kungeniswe iingxelo zerhafu (tax returns) zika-2011 kwa-SARS kwabo bazingenisa zingamaphepha (hard copies) uqala nge-1 Julayi - 30 Septemba 2011 kuze kwabo bazingenisa ngekhompyutha (E-Filing) uqale nge-1 Julayi - 25 Novemba 2011. Kwiimeko apho umntu afuna ukwandiselwa ixesha, luxanduva lomqeshwa ukucela oko kwandiselwa ixesha kuMamkeli weRhafu (Receiver of Revenue).

8. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule setyhula kuthathelwa ingqalalelo ngabo bonke abasebenzi abalapho.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
UMLAWULI OYINTLOKO: WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2011:07:08


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).