Kufunyaniswe ukuba xa bekubhaliswa abasebenzisi abatsha (registration of new users) kwisistim i-Basic Accounting System (BAS), ayilandelwanga inkqubo yokusingatha izicelo emiselwe kuxwebhu loMgaqo-nkqubo weBAS (BAS Policy). Ngako oko ke, ukwenzela ukuba kubekho ulawulo olubhetele lwenkqubo yobhaliso lwabasebenzisi abatsha nokuqinisekisa ukuba ubhaliso lwabasebenzisi beBAS lwenziwa ngokuchanekileyo, kuza kusetyenziswa le nkqubo ilandelayo ukususela ngoku:

1. Zonke iifom zezicelo zobhaliso kwiBAS (BAS registration application forms), ezizaliswe ngokupheleleyo nesele zisayinwe nayi-DDG, mazingensiwe ngqo kwi-ofisi yoMlawuli weBAS: BAS Controller's office, Room 7-10B, 7th floor, Grand Central Building, Cape Town.
2. Iya kuba ngumsebenzi ophezu kwamagxa e-ofisi yeBAS Controller ukungenisa izicelo ezifikileyo kwiGosa lezeMali eliyiNtloko (Chief Financial Officer) ngenjongo yokuba zivunywe. Kungenjalo akukho zicelo ezingeniswa ngenye indlela ziya kwamkelwa.
3. Iifom zezicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo aziyi kwamkelwa kwaye ziya kubuyiselwa kwabo bangabenzi-sicelo (bearer of the applications) ukuze zilungiswe zize ziphinde zingeniswe kwakhona.
4. Ubungqina bokuba iifom zesicelo zingenisiwe kwi-ofisi yoMlawuli we-BAS buya kukhutshwa nguMlawuli weBAS (BAS Controller) (uMnu HC Lendore) okanye, xa angekhoyo, nguMncedisi wakhe i-BAS Controller Assistant (uMnu G Bennett). UMlawuli weBAS akayi kwamkela naziphi na izigxeko ngenxa yeefom zezicelo ezishiywe nje kwi-ofisi yoMlawuli we-BAS ngaphandle kokukhutshwa kobungqina bokuba zifikile zaza zamkelwa okanye ezo zisayinwe ligosa elingenguye uMlawuli weBAS okanye uMncedisi wakhe.
5. Apho i-ofisi okanye icandelo eselinabasebenzisi be-BAS lifuna ukongezelela abasebenzisi, makubhalwe incwadi ecacisa izizathu zoko nemayihanjiswe kunye nazo zonke izicelo ezilolu hlobo ukuya kwiGosa lezeMali eliyiNtloko.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
UMLAWULI OYINTLOKO: WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2011:02:08

"BAS Entity maintenance"  (ubukhulu: 25 KB)