1. INJONGO

Ukuqinisekisa ukuba amagosa olawulo lwelahleko (loss control officers) (LCOs) atyunjwa ngencwadi ebhaliweyo ukuba enze ngamnye umsebenzi athweswe wona, ukuba igosa ngalinye ligcina irejista yolawulo lwelahleko, nokuba anika ingxelo ngayo yonke ilahleko okanye umonakalo owenzeke kwipropathi karhulumente (state equipment) kwiGosa loLawulo lweLahleko kuNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), ngokungqinelana neSahluko 12.2 seMiyalelo ye-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Treasury Instructions) (WCPTIs), eyakhutshwa nge-5 Novemba 2009, nangokweSiqendu 18(2) (a) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act).


2. UKUNIKA INGXELO NGELAHLEKO NOMONAKALO, NOKUGCINA IREJISTA YOLAWULO LWELAHLEKO
2.1 NgokweSahluko 12.5.1 seeWCPT, naliphi na igosa elithi libe nolwazi ngelahleko okanye ngomonakalo owenzeka kwipropathi karhulumente malixele ngoko nangoko loo lahleko okanye loo monakalo ngencwadi ebhaliweyo kwiLCO echaphazelekayo. Nakuba kunjalo, iCLCO iqaphele ukuba asiyiyo yonke ilahleko okanye umonakalo owenzeke kwipropathi karhulumente oxeliweyo kwiCLCO.
2.2 Ukuqinisekisa ukungqinelana nemigaqo yeeWCPTI, iLCO yecandelo ngalinye mayityunjwe ngencwadi ebhaliweyo ngumphathi wecandelo ochaphazelekayo. Nganye iCLO kufuneka
2.2.1 iqinisekise ukuba yonke ilahleko nomonakalo owenzeke kwipropathi karhulumente uxelwa kuyo ngencwadi ebhaliweyo;
2.2.2 igcine irejista yolawulo lwelahleko ekurekhodwa kuyo iinkcukacha zayo yonke ilahleko nomonakalo (funda isiHlomelo A);
2.2.3 iphande ngesiganeko ngasinye esichaphazela ilahleko okanye umonakalo, okanye yenze kuphandwe, ngaphandle kokulibazisa, ngokuthi ifumane zonke iinkcukacha, iingxelo (statements), njl. njl. ezinxulumene nelahleko nomonakalo;
2.2.4 idlulisele iinkcukacha zayo nayiphi na ilahleko okanye umonakalo kwiCLCO ekwiCandelo loLawulo lweMcimbi yezeMali apha Directorate: Financial Accounting, Room 7-03, Grand Central Building, Cape Town, ukwenzela ukuba kuvulwe ifayili kuze kufakwe ingcaciso kwiRejista yoLawulo lweLahleko kwiZiko eliyiNtloko (Central Loss Control Rejister) egcinwa yi-Ofisi kaNondyebo wePhondo; yaye
2.2.5 ukuqinisekisa ukuba yonke ilahleko okanye umonakalo ufakiwe kwirejista kwaye uyalandelelwa (followed up), ithumele ngeposi okanye nge-imeyili ikopi yazo zonke iziganeko zekota engaphambili ezibhalwe kwirejista yolawulo lwelahleko yayo, iyithumele kwiCLCO nge-30 Juni, 30 Septemba, 31 Disemba nange-31 Matshi kunyaka ngamnye, nokuba ngaba akukhange kubekho nto ibhalwayo kwirejista (nil return) kuloo kota idlulileyo.
2.3 I-CLCO iya kutshekisha qho iirejista zolawulo lwelahleko ukwenzela ukuqinisekisa ukulandelela qho nokunika ingxelo epheleleyo kwiCLCO kuze, ekugqibeleni, kwaziswe uMphicothi zincwadi-Jikelele.
2.4 Kubalulekile kwakhona ukwenza zonke iinzame zokuthintela ukufakwa kwamabango kurhulumente, yaye ngaloo ndlela zonke izenzo neempazamo (omissions) ezinokubangela ukufakwa kwamabango kurhulumente kufuneka kuniwe ingxelo ngazo.

3. Kubalulekile ukuba kwaziswe okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.

4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
UMLAWULI OYINTLOKO: WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2011:02:08

"Public Finance Management Act 1 of 1999"  (ubukhulu: 487 KB)
isiHlomeloxure A: "Loss register"  (ubukhulu: 7 KB)