1. UMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke uvume iiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) zeSigaba seSiseko nezeSigaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training Phase) ukuba ziphunyezwe ukususela ngo-2012.
2. Amaxwebhu e-CAPS ezi zigaba zibini apapashiwe njengangoku kwiziko lewebhu leSebe leMfundo esiSiseko kwaye sikhuthaza zonke iinqununu, ootitshala, nabazali kunye nabantu abanomdla ukuba bawafumane baze bawafunde la maxwebhu abaluleke kangaka.
3. Ayafumaneka kwezi dilesi zewebhu zilandelayo:

Kwiziko lewebhu leSebe leMfundo esiSiseko apha http://www.education.gov.za okanye kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha http://wced.wcape.gov.za wakungena funa u-"CAPS documents", kwi-A-Z index.

4. Ukuqhelaniswa nokwaziswa kootitshala neenqununu kuya kuqhubeka ekuhambeni kwalo nyaka, njengoko sele nazisiwe.
5. Sikhuthaza iinqununu nootitshala ukuba bayifunde de bayazi ikhontenti yezi nkcazo zomgaqo-nkqubo yaye bayisebenzise ekucwangciseleni nasekulungiseleleni ukuphunyezwa kwazo kulo nyaka uzayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO NOVAVANYO LWEKHARITYHULAM
UMHLA: 2011:06:24