1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department) (WCED) linqwenela ukwazisa zonke izikolo ezinabafundi beBakala 12 ngeeprogram ezimbini ezongezelelweyo zokunika inkxaso abafundi bematriki baka-2011. |
2. |
Eyokuqala luluhlu lweeprogram zikamabonakude ezikweli Jelo 319 [DSTV] eziqhuba ukuqala nge-4 Julayi - 22 Novemba 2011 ngolu hlobo lulandelayo:
- I-Winter school - 4 - 15 Julayi (iintsuku ezili-10, ngeentsuku zeveki) ukuqala ngo- 09:00 - 17:00
- I-Saturday school - 23 Julayi - 10 Septemba, nange-15 - 22 Oktoba. (iMigqibelo eli- 10)
- I-Spring school - 3 - 7 Oktoba (iintsuku ezi-5)
- I-Exam school - 19 Oktoba - 22 Novemba (iintsuku eziyi-22)
|
3. |
Iiprogram zikamabonakude zibandakanya oku kulandelayo:
- Izishwankathelo zamaphepha oviwo,
- iingcebiso kuzo zonke izifundo ezikhethiweyo,
- izisombululo ekufikelelwe kuzo ezicacisa ngokunzulu ngamaphepha emibuzo adlulileyo, kunye
- neeseshoni zokufona kwabo baphulaphuleyo babuze imibuzo engezi zifundo zilandelayo:
- Mathematics
- Physical Sciences
- Life Sciences
- Mathematical Literacy
- Accounting
- Geography
- English First Additional Language
|
4. |
Lonke usasazo luxhaswa zizikhokelo zabafundi nezabaququzeleli (learner and facilitator guides) eliya kuthi iSebe iWCED lizithengele abafundi. Ezi ncwadi ziya kusiwa kwii-ofisi zezithili zemfundo kwenziwe amalungiselelo ngabalawuli bee-ofisi zezithili zemfundo okuba zifike kubafundi kwizikolo ezazizicelile. Okuqhotyoshelwe apha okuthunyelelwayo yi-PowerPoint presentation enika ingcaciso ecacisa ngokubanzi ngezi program. |
5. |
Abalawuli bezithili zemfundo baya kulungiselela kwakhona, xa baye bacelwa, ukusasaza ezi program ezikolweni ngesixhobo se-telematics. |
6. |
Iprogram yesibini enika inkxaso ibandakanya ukusasazwa kwencwadana yeengongoma zeendaba enamaphepha ayi-48 (48-page newsprint book) ekubhalwe kuyo amaphepha oviwo angekabonwa neememoranda zokumakisha kwezi zifundo zilandelayo:
Isifundo |
Iphepha |
Accounting |
1 |
Business Studies |
1 |
English |
1 |
Geography |
2 |
Life Sciences |
1 & 2 |
Mathematical Literacy |
1 & 2 |
Mathematics |
1 & 2 |
Physical Science |
1 & 2 |
|
7. |
Iincwadana zeengongoma zeendaba (newsprint books) ziya kusiwa ngqo ezikolweni ekupheleni kuka-Agasti 2011 yaye ziya kunika abafundi ezinye iindlela ezongezelelweyo zokulungiselela uviwo lokuphela konyaka, kusetyenziswa amaphepha emibuzo abangazange badibane nawo ngaphambili. |
8. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi beBakala 12 bakho ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:06:23
|
|