1. Iincwadi zeempendulo kwakunye nawo onke amanye amaxwebhu anxulumene noviwo, mazenziwe iipasela ngokungqinelana neenkqubo ezicaciswe kule Ncwadana yeMigaqo (Procedure Manual for Principals, Centre Managers, Chief Invigilators and Invigilators) zize zithunyelwe kwiSebe leMfundo ngale mihla elungiselelwe ukuqokelelwa kwazo necaciswe kumhlathi 3 apha ngezantsi.

2. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuposelwe iincwadi zeempendulo kwiSebe leMfundo okanye ziziswe ziinqununu buqu okanye ngabagadi babaviwa abaziintloko.

3. USkynet uya kuziqokelela iincwadi zeempendulo kumaziko okubhalela iimviwo aze azise kwiSebe leMfundo ukuqalela kwintsimbi ye-08:00 kuye kweye-15:00 ngale mihla ilandelayo:

NgoLwesine 20 Oktobha 2011 National Senior Certificate
NgoLwesithathu 26 Oktobha 2011 National Senior Certificate
NgoLwesibini 01 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesihlanu 04 Novemba 2011 National Senior Certificate ne-ABET L4
NgoLwesibini 08 Novemba 2011 National Senior Certificate ne-ABET L4
NgoLwesihlanu 11 Novemba 2011 National Senior Certificate ne-ABET L4
NgoLwesibini 15 Novemba 2011 National Senior Certificate ne-ABET L4
NgoLwesine 17 Novemba 2011 National Senior Certificate ne-ABET L4
NgoLwesibini 22 Novemba 2011 National Senior Certificate ne-ABET L4 (ezokugqibela)
NgoLwesithathu 23 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesine 24 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesihlanu 25 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoMvulo 28 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesibini 29 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesithathu 30 Novemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesine 01 Disemba 2011 National Senior Certificate
NgoLwesihlanu 02 Disemba 2011 National Senior Certificate (ezokugqibela)

4. UKUBUYISWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
4.1 Kucelwa uqinisekise ukuba la maxwebhu alandelayo azaliswa ngokuchanekileyo nangokupheleleyo:

  • I-Courier Collection Register, usuku ngalunye ummeli wakwaSkynet eze kuqokelela,
  • I-Confirmation of Final Collection, ekufuneka ifekswe xa ummeli wakwaSkynet eqokelela iipasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo kwiziko.
4.2 Ngokukhawuleza nje emva kokugqitywa kweseshoni nganye iincwadi zeempendulo zaloo seshoni ichaphazelekayo mazenziwe iibhetshi ngokungqinelana ne(ee)makhishithi zize zifakwe kwisingxobo esigreyi zitywinwe. (Iibhetshi zezifundo ezahlukeneyo zingafakwa nazo kweso singxobo sinye.) Izingxobo ezincinane ezitywiniweyo zeseshoni mazifakwe zonke kunye kwizingxobo ezikhulu ukwenzela ukugcina inani lezingxobo/leepasela ngomthwalo ngamnye lisezantsi ngolona hlobo.

Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kugcinwe izingxobo zeplastiki ezineencwadi zeempendulo ezingaphansti ko-200 zingahanjiswa ngeentsuku apho uSkynet eqokelela iincwadi zeempendulo zoviwo. Zonke iincwadi zeempendulo zoviwo ozigcinileyo mazinikwe iikhuriya zakufika.

4.3 Emva kokuba ummeli wakwaSkynet eqokelele iipasela zeencwadi zeempendulo, uya kunikwa ikopi yephetshana lokuthunyelwa kwepasile (dispatch note). Kufuneka umgadi wabaviwa oyintloko azalise le kopi yephetshana lokuthunyelwa kwepasile kunye nee-mark-sheet control lists ukwenzela iinjongo zeerekhodi
4.4 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kusetyenziswe amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) oviwo lweSatifikethi seMatriki kuyo nantoni na eyenye engenanto yakwenza nokubuyisa amaxwebhu anxulumene noviwo. Onke amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) angasetyenziswanga makabuyiselwe kwiCandelo leeMviwo kunye neepasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo zoviwo.

5. Kufuneka iinqununu/abaphathi bamaziko, ngoncedo lomgadi wabaviwa oyintloko, baqinisekise ukuba zonke iincwadi zeempendulo ziqokelelwe yikhuriya ngentsimbi ye-11:00 nge-2 Disemba 2011.

Ukuba kukho naziphi na iincwadi zeempendulo ezingekaqokelelwa, makuxelelwe uMnu Dean Pretorius weCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) NGOKO NANGOKO kule nombolo yefoni 021 467 2960/1 okanye 084 676 7451.


6. Ukuqinisekisa ukuba inkqubo ihamba ngocwangco, ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zenze amalungiselelo ayimfuneko okugcinwa ngokukhuselekileyo kwamaphepha emibuzo neencwadi zeempendulo. Mazincede ziqinisekise kwakhona ukuba ngamnye umgadi wabavi oyintloko unikwa ikopi yale Ngcaciso iMfutshane.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:09:16