1. Kuvunyiwe ukwandiswa kwexesha leemviwo zeMatriki ezibangoMeyi/Juni laya kutsho ku-2014 (iGazethi kaRhulumente No. 34401, Vol. 552 yomhla we-28 Juni 2011).

2. Ezi ndidi zimbini zabaviwa zinokubhalisela iimviwo zeMatriki ezandiselwe ixesha eziqala ngoMeyi/Juni 2012. Kuzo zonke iimeko kufuneka kunikwe ubungqina beziphumo zeemviwo zematriki zangaphambili ezabhalwayo.

UDIDI 1:

  1. Abaviwa abangazange baphumelele kwiimviwo zeMatriki zika-2007 nezangaphambi koko;
  2. Abaviwa abangesosigxina abasele bebhalisele iimviwo zeMatriki;
  3. Abaviwa abapasa iBakala 11 kwiminyaka engaphambili; yaye

UDIDI 2:

Abaviwa abadala abaneminyaka engama-21 nangaphezulu abangazange babhalisele iimviwo zeMatriki ngaphambili, bangabhalisa ukuba bayahlangabezana nezi mfuno zingummiselo zilandelayo:

  1. Mabavume ukuyigqiba iMatriki kwiminyaka emibini ukuya kwemithathu ezayo;
  2. Bangabhalisa ngo 2012 kuphela (QAQPHELA: Aba baviwa banethuba eliya kutsho ku-2014 ekufuneka ngalo bagqibe iMatriki yabo);
  3. Mababe neminyaka engama 21 nangaphezulu ubudala;
  4. Mabanike izizathu ezivakalayo iNtloko yeSebe zokuba kungasizathu sini na kufuneka bavunyelwe babhalisele iimviwo; yaye
  5. Makunikwe imvume yoku yiNtloko yeSebe.
3. Ngo-2013 nango-2014 kuphela ngabaviwa asele bekhe babhala izifundo zeMatriki abanokubhalisela iimviwo;

4. Baya kuvunyelwa abaviwa ukuba babhalisele kuphela ezo zifundo zivelayo kule fom yokubhalisela uviwo iqhotyoshelweyo. Umhla wokuvala ukungeniswa kwezicelo zokubhalisela iimviwo zeMatriki (Senior Certificate examinations entries) ngowe-30 Novemba 2011.

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA SEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:08:17

"Government Gazette 34401"  (ubukhulu: 127 KB)
"Entry form for the Senior Certificate Examination: May / June 2012"  (ubukhulu: 71 KB)