1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba iimviwo ze-ABET iNqanaba 4 (ABET Level 4 examinations) ngo-Oktobha 2011 ngokungqinelana nemigaqo, iikhrayitheriya nemigangatho esetyenziswayo.
2. Ayacelwa onke amaziko emfundo yabadala abhalise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED community learning centres), ukuba abhalise abaviwa bawo ukuze bangenele ezi mviwo kwiinkalo zezifundo abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abaviwa abo bayigqibile yonke imilinganiselo yemigangatho (have completed all unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, zonke iinkalo zezifundo ezifunwa ngabaviwa ziya kuhlangatyezwa.
3. Uviwo lwenza i-50% yamanqaku enkalo yesifundo, lo gama enye i-50% iya kuvela kwimvavanyo ezimodareyithwe liziko ngokwalo. AKUKHO MFUNDI MAKAVUNYELWE ABHALISELE ISIFUNDO ENGAZIGQIBANGA IIMVAVANYO ZEZIKO KWESO SIFUNDO. ABAFUNDI ABANGENAZO IMVAVANYO ZEZIKO ABAYI KUZIFUMANA IZIPHUMO ZABO.
4. Ithayimthebhile yoviwo lukaOktobha 2011 iya kukhutshwa kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo phambi kokuqala koviwo.
5. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ifom enye kwezo zobhaliso zifakwe apha ngokumalunga nomviwa ngamnye onqwenela ukungenela ezi mviwo. Ukuba uthi umviwa angabikho, ngenxa yokugula okanye ngenxa yeemeko ezingenakuthintelwa, mayisayinwe loo fom yobhaliso ngumphathi weziko, nomakathi kwakhona abonise, ngakwisiginitsha yakhe, ukuba umviwa lowo wayengekho.
6. Ngokumalunga nesicelo sohlobo loviwo olungenelwayo (entry type) kwifom, kucelwa usebenzise ikhowudi efanelekileyo ukubonisa ukuba ngaba umfundi uvela kwiziko lemfundo yabadala likarhulumente ("public") okanye kwiziko lemfundo yabadala labucala ("industry") elizimeleyo.
7. Kucelwa niqaphele ukuba akukho lutshintsho kwiinkalo zezifundo luya kuvunyelwa emva kokuba iifom zobhaliso (entries) zigqityiwe. Ngako oko ke iifom zobhaliso mazizaliswe ngokuchanekileyo.
8. Zonke iifom zobhaliso ezifakwe zonke iinkcukacha zaza zacwangciswa ngokwe-alfabethi, kunye nesiHlomelo A mazifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo engadlulanga uLwesithathu we-31 Augusti 2011. Akukho zifom zingeniswe emva kwexesha ziya kwamkelwa.
9. Izikhokelo ngokumalunga nokumiselwa kwemigangatho, izibheno nokukhutshwa kwezatifikethi (standardisation, appeals and certification) zingafunyanwa kwiSetyhula 0027/2004 yaye mazifundwe kunye nolu xwebhu National Policy on the Conduct of the ABET Level 4 Examinations, olwanikwa amaziko emfundo yabadala karhulumente ngo-2002.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA SEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:08:15

Entry form for October 2011  (ubukhulu: 39 KB)