1. |
UKUQESHWA KOOTITSHALA NJENGABAGADI BABAVIWA |
1.1 |
Kucelwa ufunde le Setyhula 0015/2011 ngokumalunga nokuqeshwa kootitshala njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC nokuqhubeka kokusetyenziswa kwabagadi babaviwa abaziintloko bangaphandle kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki neze-ABET Level 4.
|
1.2 |
Kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zangoNovemba 2011, umgadi wabaviwa oyintloko wango-2010 makasetyenziswe njengomniki-ngcebiso (mentor) katitshala oqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko wesikolo ngo-2011. |
1.3 |
Makuqatshelwe ukuba la malungiselelo asele ekhankanyiwe ngaphambili eemviwo zeNSC zangoNovemba 2011 akwasebenza nakwiimviwo zokuxabangela zangoMatshi 2012 o.k.t ootitshala baza kusetyenziswa njengagadi babaviwa. |
1.4 |
Kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki zangoMeyi-Juni 2012 nakwiimviwo ze-ABET Level 4, kuya kuqhutyekwa nokusebenzisa iinkonzo zabagadi babaviwa bangaphandle. |
1.5 |
Le ngcaciso imfutshane ilungisa kuphela umba wokuqeshwa kwabantu abangabahlali njengabagadi babaviwa. |
2. |
UKUGAYWA NOKUQESHWA KWABAGADI BABAVIWA
Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba zityumbe abantu abafanelekileyo abangabahlali njengabagadi babaviwa abaziintloko, abagadi baviwa abangabaniki-ngcebiso (mentors) nabagadi babaviwa abancedisayo ukulungiselela ezi mviwo zikhankanywe apha ngasentla
Amagama abo bonke abo bagadi babaviwa batyunjiweyo, makabhalwe kwisiHlomelo A, nekufuneka singeniswe ngokukhawuleza kumphathi weze-IMG. Umphathi weze-IMG makawavume loo magama atyunjiweyo aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiSebe leMfundo ungadlulanga owe-26 Julayi 2011.
Uluhlu lwabantu abatyunjiweyo maluhanjiswe nekopi engqiniweyo yesazisi nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (most recent academic record) (iBakala 12 ubuncinane kumntu ngamnye otyunjiweyo.
Xa kutyunjwa abagadi babaviwa abangabaniki-ngcebiso (mentors) nabagadi babaviwa abaziintloko, makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo:
|
2.1 |
Umphathi weze-IMG makaqhube udliwano-ndlebe buqu kunye naloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa ongumniki-ngcebiso (mentor) okanye njengomgadi wabaviwa oyintloko. |
2.2 |
Umphathi weze-IMG makaqinisekise ngezakhono zabatyunjwa zokwazi ukufunda, ukubhala, zokuva ncam nokubona kakuhle kwakunye nemeko yempilo yabo. |
2.3 |
Umphathi weze-IMG makaqinisekise ukuba abantu abatyunjwe njengabagadi babaviwa abangabaniki-ngcebiso nabangabagadi babaviwa abaziintloko bazimisele ukusebenza njengabagadi babaviwa abangabacebisi kwiiMviwo zeNSC zokuxabangela zangoMatshi 2012, nokuba babe ngabagadi babaviwa abaziintloko kwiiMviwo zeMatriki zangoMeyi/Juni 2012 ukuba ngaba iinkonzo zabo ziye zafuneka. |
2.4 |
Nakuba kunjalo, mayigxininiswe kubagadi babaviwa abaziintloko into yokuba, xa bezibophelela ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko ngoMatshi 2012, nangoMeyi/Juni 2012, mabasibambe eso sigqibo. |
2.5 |
Kukhethwa ukuba abenzi-sicelo okanye abatyunjwa abafake izicelo kwizithuba zengqesho ezisisigxina kwezinye iindawo, bangaqwalaselwa ngenjongo yokuba baqeshwe. |
3. |
UKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO |
3.1 |
IsiHlomela B (Ukutyunjwa kwaBagadi baBaviwa abaziintloko) masizaliswe size sisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ukuze ikopi igqithiswe ngokukhawuleza kuloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa inemiyalelo ebaluleke gqitha. Ikopi engqiniweyo yesazisi somtyunjwa nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (iBakala 12 ubuncinane) maziqhotyoshelwe kwisiHlomelo B. |
3.2 |
Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi wabaviwa ongumniki-ngcebiso otyunjiweyo okanye umgadi wabaviwa oyintloko, umphathi weze-IMG, emva kokuzanelisa ngokuba umntu otyunijweyo ngofanelekileyo nonako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makamnike isiHlomelo C lowo utyunjiweyo ukuba asizalise, emva koko kufuneka ifom leyo isayinwe kwakhona ngumphathi weze-IMG. |
4. |
UKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABANCEDISAYO
Inqununu okanye umphathi weziko makamngqine umtyunjwa ukuba ngofanelekileyo (makabangqine abatyunjwa ukuba ngabafanelekileyo) ukwenza loo misebenzi yomgadi wabaviwa oncedisayo (yabagadi babaviwa abancedisayo), ekuya kuthi emva koko umphathi weze-IMG abonise ukuba ngaba ukuqeshwa komtyunjwa (kwabatyunjwa) kuya kwamkeleka na. Kufuneka emva koko kuzaliswe isiHlomelo D size sisayinwe ngumgadi wabaviwa oncedisayo (ngabagadi babaviwa abancedisayo).
|
5. |
IMVUMELWANO YOKWENZA INKONZO
Bonke abagadi babaviwa abangabaniki-ngcebiso (mentors), nabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo mabazilungiselele ukuba baza kungena kwimvumelwano yokwenza inkonzo neSebe iWCED ngokumalunga nemisebenzi yabo neemfanelo zabo (responsibilities) ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. Imvumelwano iya kusebenza ngokusemthethweni (will be valid) ngethuba leemviwo zikaNovemba 2011, Matshi 2012 nezikaMeyi/Juni 2012.
|
6. |
UKUNGENISWA KWEEFOM ZOKUTYUMBA AMAGAMA |
6.1 |
Emva kokuzaliswa, umphathi weze-IMG makangenise ngokukhawuleza iziHlomelo A, B, C, D, E no-F kwiCandelo loLawulo lweeMviwo. Ezi fom mazifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga owe-26 Julayi 2011 (kwaye mazibhalwe oku "For attention: Ms E du Toit"). |
6.2 |
Makuqatshelwe: Ukwenzela ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwinkqubo yokuqesha, mabancede abaphathi beze-IMG baqinisekise ukuba zonke iifom zithunyelwa kunye kwiSebe yaye mazingahlukaniswa. |
6.3 |
Makuqatshelwe: Akukho mntu okuqeshwa kwakhe kungekavunywa ngumphathi weze-IMG makenze imisebenzi njengomgadi wabaviwa. Abagadi babaviwa mabangaze, naphantsi kwazo naziphi na iimeko, baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi na inxenye yomsebenzi wabo. Ukuba iimeko azimvumeli umgadi wabaviwa oyintloko okanye umgadi wabaviwa oncedisayo ukuba asuphavayize uviwo, inqununu okanye umphathi weziko, ngokucebisana nomphathi weze-IMG, makenze amalungiselelo okuqeshwa kwebambela kwaye malaziswe iSebe leMfundo ngoko nangoko ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zeebhanki zabo kwifom yesiHlomelo E. |
7. |
IIKHRAYITHERIYA ZOKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABANGAMALUNGU ANGABAHLALI |
7.1 |
Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho mntu makaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko okanye njengomgadi wabaviwa oncedisayo ukuba: |
7.1.1 |
ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala; |
7.1.2 |
usisizalwane:
- somfundi obhala iimviwo;
- sotitshala ofundisa esikolweni okanye sotitshala olungiselela abaviwa iimviwo nokuba zeziphi na;
|
7.1.3 |
wenza nantoni na enxulumene nootitshala nabasebenzi besikolo okanye behostele ekuhlala kuyo abafundi besikolo esithile; okanye; |
7.1.4 |
uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi wabaviwa oyintloko. |
7.2 |
Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 kwiseshoni yoviwo, iSebe iWCED lizilungiselele ukuqesha umgadi wabaviwa omnye kubaviwa abayi-30 okanye inxalenye yeli nani kuloo seshoni, okanye umgadi wabaviwa oncedisayo omnye kwigumbi ngalinye ekubhalela kulo abafundi, ngokuxhomekeka ekubeni onke amagumbi asetyenziswe ngokupheleleyo azala phambi kokuba kusetyenziswe igumbi elongezelelweyo. |
7.3 |
Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini lelona nani lisezantsi) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale, umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa onikwe imvume yokuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yesizathu esingxamisekileyo. |
7.4 |
Apho kwenziwa iimviwo zethiyori nezeprakthikhali (theory and practical examinations) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi wabaviwa oncedisayo. |
7.5 |
Xa kufuneka iinkonzo zabagadi babaviwa ababini nangaphezulu ngeseshoni apho kusetyenziswa amagumbi amabini nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa. |
7.6 |
Abagadi babaviwa abangabaniki-ngcebiso (mentors) nabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo kufuneka babe namabanga emfundo ubuncinane yeBakala 12. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwalowo mntu. |
7.7 |
Ukuba bonke abaviwa bangabantu abangamadoda, umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo, mababe ngabantu abangamadoda. Ukuba bonke abaviwa ngabantu ababhinqileyo, umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo mababe ngabantu ababhinqileyo. Ukuba abaviwa bangabantu abangamadoda nabantu ababhinqileyo yaye umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu oyindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu obhinqileyo, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu obhinqileyo, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu oyindoda. |
7.8 |
Umzekelo wenani labagadi babaviwa abanokuqeshwa liboniswe apha ngasezantsi:
INANI LABAVIWA |
INANI LABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO |
INANI LABAGADI BABAVIWA ABANCEDISAYO |
2 |
1 |
1 |
30 |
1 |
1 |
32 |
1 |
2 |
ICandelo loLawulo lweeMviwo malaziswe xa kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo (Jonga itheyibhile engentla)
|
8. |
IMISEBENZI YOMGADI WABAVIWA OYINTLOKO NOMGADI WABAVIWA ONCEDISAYO
|
8.1 |
Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo ikwisiHlomelo A semvumelwano yokwenza inkonzo yabagadi babaviwa nabagadi babaviwa abancedisayo. Le misebenzi mayenziwe ngokwanelisayo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. |
8.2 |
Abagadi babaviwa abangabaniki-ngcebiso (mentors) nabagadi babaviwa abaziintloko mabeze kuqeqesho lokugada abaviwa lweSebe iWCED. |
8.3 |
Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba bavunyelwe ukuba bangene kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo. Bonke abagadi babaviwa abancedisayo mabasayine irejista yokubakho engqina ukuba balufumene uqeqesho oluyimfuneko. |
8.4 |
Abagadi babaviwa mabangabashiyi abaviwa bengagadwanga (unsupervised) ngethuba lokuqhutywa kweseshoni yoviwo. |
8.5 |
Abagadi babaviwa mabangabancedi abaviwa kuzo naziphi na izinto ezizitenxo ngethuba lokuqhutywa koviwo. ISebe iWCED aliyi kuthandabuza ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho ngakuye nawuphi na umgadi wabaviwa ofunyenwe enetyala lokuncedisa kwisitenxo. |
8.6 |
Umgadi wabaviwa oyintloko makancedise inqununu ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yeemviwo efikileyo. Uya kuhlawulelwa kuphela iseshoni eyongezelelweyo enye ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lamithwalo okanye mgama ohanjiweyo ukuze abekho xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo yeemviwo. |
8.7 |
Umgadi wabaviwa oyintloko makancedise kwakhona inqununu ekugcineni irejista ekufuneka isayinwe yinqununu, ngutitshala oyintloko yesifundo nomgadi wabaviwa oyintloko xa kuza kukhutshwa isethi yamaphepha emibuzo yeemviwo kwigumbi elinqatyisiweyo. |
8.8 |
Abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo abatyunjiweyo mabasoloko benezazisi zabo neemvumelwano zengqesho apho kubo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. |
8.9 |
Phambi kokuqala kweemviwo, ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba indawo ekubhalelwa kuyo uviwo ilungiselelwe ngokufanelekileyo ukuqhutywa kweemviwo.
|
9. |
UKUQEQESHWA KWABAGADI BABAVIWA |
9.1 |
Umgadi wabaviwa oyintloko makaxelelwe ukuba unyanzelekile ukuba aye kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi babaviwa. |
9.2 |
Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama owela ngaphakathi kwama-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko ekuya kuqhubekela kulo uqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeseshoni enye eyongezelelweyo ngenxa yokuya kuqeqesho. |
9.3 |
Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama ongaphezulu kwama-75 km ukusuka kwiziko loqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo. |
9.4 |
Abahlawulwa abagadi babaviwa abancedisayo ngokuya kwiiseshoni zoqeqesho. |
10. |
UKUHLAWULWA KWABAGADI BABAVIWA |
10.1 |
ISebe iWCED liya kutyumba lize lihlawule abagadi babaviwa ngokungqinelana ne-Personnel Administration Measures. |
10.2 |
Izikolo ezizimeleyo, iikholeji kwakunye neentolongo luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo. Nangona abagadi babaviwa bala maziko bengahlawulwa liSebe iWCED, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji nezeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iifom zokuvuma ukutyunjwa (IziHlomelo C no-D) zize zizibuyisele kwiSebe iWCED. |
10.3 |
Abagadi babaviwa abaziintloko bezikolo ezizimeleyo, beekholeji kwakunye neentolongo mabafake iifom zabo zamabango okugada abaviwa kwinqununu okanye kumphathi weziko, noya kwenza amalungiselelo entlawulo yabo. Abasebenzi abasezintolongweni abasebenza njengabagadi babaviwa kwiiMviwo zeMatriki abafumani ntlawulo yongezelelweyo. Ukuba abagadi babaviwa ezintolongweni abaqeshwanga kwinkonzo yeentolongweni, malaziswe ke ngoko iSebe iWCED ngokubhalelwa ileta. |
10.4 |
Abasebenzi abangoomabhalane nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa liSebe ngenxa yemisebenzi yabo yokugada abaviwa. |
10.5 |
Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa njengangoku yi-R139,55 ngeshoni kumgadi wabaviwa oyintloko ize ibe yi-R93,05 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oncedisayo (Iintlawulo zingatshintsha). |
10.6 |
ABAGADI BABAVIWA ABAYI KUHLAWULWA NAPHANTSI KWAZO NAZIPHI NA IIMEKO NGEENDLEKO ZEHAMBO. (Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke mabaqeshe abagadi babaviwa kubahlali abakufutshane abafumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko). |
10.7 |
Makuqatshelwe: Imimiselo (IRP 10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu kwizithuba zengqesho ezingesosigxina, ifanele ukuxhuzulwa irhafu eyi-25%. ISebe liya kuthi ke ngoko lixhuzule i-25% kwintlawulo yomgadi wabaviwa ngamnye ngeenkonzo azenzileyo. Ngako oko ke, ukungeniswa komyalelo wokutsalwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3) awusasebenzi. Abagadi babaviwa abafanele kuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi bakufumana izatifikethi ze-IRP 5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yengeniso kwiSebe), bazingenise kwi-ofisi yabo ye-Receiver of Revenue yendawo yabo kwakunye nefom emiselweyo u-IT 12 S.
Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngethuba likaMeyi-Juni kunyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo.
IMIZEKELO:
|
Inani leeseshoni |
Intlawulo |
Intlawulo engekaxhuzu-lwa rhafu |
Irhafu |
Intlawulo exhuzulwe irhafu |
Umgadi wabaviwa oyiNtloko |
12 |
R139,55 |
R1 674,60 |
R418,85 |
R1 255,95 |
Umgadi wabaviwa oncedisayo |
12 |
R93,05 |
R1 116,60 |
R279,15 |
R837,45 |
|
10.8 |
Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe. |
10.9 |
IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabatyunjwa bezikolo ezingayi kubanako ukuncedisa kwintlawulo yabagadi babaviwa bawo. Makuzaliswe ifom ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki ingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo. |
11. |
IZIBONELELO ZOKUBHALELA IIMVIWO |
11.1 |
Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala koviwo, umgadi wabaviwa oyintloko, ngokubhungisana nenqununu okanye nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela uviwo efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abaza kubhala uviwo.
|
11.2 |
Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo ukuthintela naziphi na izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Iholo yesikolo kunye/okanye amagumbi asetyenziswayo, makabekwe iidesika okanye iitafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa ngohlobo lokuba kubekho:
- Isithuba esiyi-150 cm kumacala omabini edesika okanye etafile nganye
- Isithuba esiyi-120 cm ngaphambi nangemva kwedesika okanye kwetafile nganye
|
11.3 |
Umphathi weze-IMG makatyelele amaziko okubhalela uviwo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba ngaba uyenziwa na lo myalelo. |
12. |
IMISEBENZI YENQUNUNU OKANYE YOMPHATHI WEZIKO LOKUBHALELA UVIWO
|
12.1 |
Lusemagxeni enqununu yesikolo okanye omphathi weziko lokubhalela uviwo, ulawulo olufanelekileyo lokubhalwa kweemviwo kuloo ndawo zibhalelwa kuyo. |
12.2 |
Inqununu yesikolo okanye umphathi weziko makaqinisekise ukuba amaphepha emibuzo eemviwo agcinwa ngokukhuselekileyo nangendlela ecwangciswe kakuhle ngokulandelelana kwigumbi elinqatyisiweyo, nokuba iindawo zokubhalela iimviwo zifanelekile nokuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo baqeqeshwe ngokufanelekileyo. |
12.3 |
Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba ziqinisekise, ngokubhungisana nomphathi weze-IMG, ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo ukuze abafundi bangaphazamiseki ngexesha leeseshoni zokubhalwa kweemviwo |
13. |
Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa ngamnye. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:07:01
|
|