1. |
Iincwadi zeempendulo kwakunye nawo onke amanye amaxwebhu anxulumene noviwo, mazenziwe iipasela ngokungqinelana neenkqubo ezicaciswe kule Ncwadana yeMigaqo Procedure Manual for Principals, Centre Managers, Chief Invigilators and Invigilators (2010) zize zithunyelwe kwiSebe leMfundo ngale mihla elungiselelwe ukuqokelelwa kwazo necaciswe kuMhlathi 3 apha ngezantsi. |
2. |
Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuposelwe iincwadi zeempendulo kwiSebe leMfundo okanye ziziswe ziinqununu buqu okanye ngabagadi babaviwa abaziintloko. |
3. |
USkynet uya kuziqokelela iincwadi zeempendulo kumaziko okubhalela iimviwo phakathi kwentsimbi ye-08:00 neye-15:00 ngale mihla ilandelayo:
NgoLwesihlanu |
06 Meyi 2011 |
NgoLwesibini |
10 Meyi 2011 |
NgoLwesihlanu |
13 Meyi 2011 |
NgoLwesine |
19 Meyi 2011 |
NgoLwesibini |
24 Meyi 2011 |
NgoMvulo |
30 Meyi 2011 |
NgoLwesine |
02 Juni 2011 |
NgoLwesithathu |
08 Juni 2011 |
NgoLwesithathu |
15 Juni 2011 |
NgoLwesithathu |
22 Juni 2011 (ezokugqibela - SC no-ABET Level 4 kwizikolo ezikhethiweyo) |
NgoMvulo |
27 Juni 2011 (ezokugqibela - SC no-ABET Level 4 kwizikolo ezikhethiweyo ngokwamalungiselelo enziweyo) |
|
4. |
UKUBUYISWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
|
4.1 |
Kucelwa uqinisekise ukuba la maxwebhu alandelayo azaliswa ngokuchanekileyo nangokupheleleyo:
- I-Courier Collection Register, (IsiHlomelo I ngokwe-Examination Procedure Manual 2010) ngosuku ngalunye ummeli wakwaSkynet eze kuqokelela,
- I-Confirmation of Final Collection, (IsiHlomelo J, ngokwe-Examination Procedure Manual 2010) kufuneka ithunyelwe ngefeksi xa ummeli wakwaSkynet eqokelela iipasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo kwiziko.
|
4.2 |
Ngokukhawuleza nje emva kokugqitywa kweseshoni nganye, iincwadi zeempendulo zaloo seshoni ichaphazelekayo mazenziwe iibhetshi ngokungqinelana ne(ee)makhishithi zize zifakwe kwisingxobo seplastiki esigreyi zitywinwe. (Iibhetshi zezifundo ezahlukeneyo zingafakwa nazo kweso singxobo sinye.) Izingxobo ezincinane ezitywiniweyo zeseshoni mazifakwe zonke kunye kwizingxobo ezikhulu ukwenzela ukugcina inani lezingxobo/leepasela ngomthwalo ngamnye lisezantsi ngolona hlobo.
Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kugcinwe izingxobo zeplastiki ezineencwadi zeempendulo ezingaphantsi ko-200 zingahanjiswa ngeentsuku apho uSkynet eqokelela iincwadi zeempendulo zoviwo. Zonke iincwadi zeempendulo zoviwo ozigcinileyo mazinikwe iikhuriya zakufika.
|
4.3 |
Emva kokuba ummeli wakwaSkynet eqokelele iipasela zeencwadi zeempendulo, uya kunikwa ikopi yephetshana lokuthunyelwa kwepasile (dispatch note). Kufuneka umgadi wabaviwa oyintloko azalise le kopi yephetshana lokuthunyelwa kwepasile kunye nee-mark-sheet control lists ukwenzela iinjongo zeerekhodi.
|
4.4 |
Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kusetyenziswe amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) oviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kuyo nantoni na eyenye engenanto yakwenza nokubuyisa amaxwebhu anxulumene noviwo. Onke amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) angasetyenziswanga makabuyiselwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo kunye neepasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo. |
5. |
Maziqinisekise iinqununu nabaphathi bamaziko kumaziko okubhalela iimviwo apho kuya kubhalwa iimviwo de kube ngowe-24 Juni 2011, ukuba zonke iincwadi zeempendulo ziqokelelwe yikhuriya engadlulanga u-14:00 nge-27 Juni 2011.
Ukuba kukho naziphi na iincwadi zeempendulo ezingekaqokelelwa, makuxelelwe uMnu Dean Pretorius weCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) NGOKO NANGOKO kule nombolo yefoni 021 467 9330 okanye 084 676 7451.
|
6. |
Ukuqinisekisa ukuba inkqubo ihamba ngocwangco, ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zenze amalungiselelo ayimfuneko okugcinwa ngokukhuselekileyo kwamaphepha emibuzo neencwadi zeempendulo. Mazincede ziqinisekise kwakhona ukuba ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko unikwa ikopi yale ngcaciso imfutshane. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:28
|
|