1. Kucelwa izicelo kootitshala, kubacebisi ngezekharityhulam nakubacwangcisi bezekharityhulam abakhulu abafanelekileyo ukuba baqeshwe njengeemodareyitha zangaphakathi, abamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko (deputy chief markers) nabamakishi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zikaNovemba 2011 neemviwo zokuxabangela (supplementary examinations) zika-Matshi 2012 (apho kusebenzayo oku). Amagosa awayeqeshwe aza amakisha ngoDisemba 2010 akukho mfuneko yokuba afake izicelo kwakhona kwezi zithuba zikhankanywe apha ngentla ngenxa yokuba ukuqeshwa kwawo ngo-2010 kuya kuqwalaselwa ngokweekhrayitheriya ezifanele ukusetyenziswa ekuqeshweni kwabamakishi ngo-2011. Uluhlu lwezifundo zeNSC namaphepha emibuzo ziqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.

2. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi.
2.1 Bonke abenzi-zicelo mababe namabanga emfundo asemva kweSatifikethi seMatriki eminyaka emithathu (three-year post Senior Certificate qualification) namakabandakanye isifundo esifanelekileyo ubuncinane kwinqanaba lonyaka wesibini, kodwa kukhethwa ukuba ibe linqanaba lonyaka wesithathu.
2.2 Abenzi-zicelo kwisithuba seemodareyitha zangaphakathi nesommakishi oyintloko mababe namava okufundisa eminyaka esi-8 ubuncinane yaye babenamava eminyaka emi-5 yokufundisa eso sifundo sichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12.
2.3 Abenzi-zicelo kwisithuba sesekela-mmakishi oyintloko ubuncinane mababe namava eminyaka emi-5 njengommakishi neminyaka emi-2 ubuncinane njengommakishi omkhulu kwisifundo esenzelwa isicelo.
2.4 Bonke abenzi-zicelo mababe bakhe basifundisa isifundo esichaphazelekayo ngokusisigxina ubuncinane iminyaka emi-2, ngale minyaka ilandelayo: 2009, 2010 no-2011. Kuya kukhethwa kuqala ootitshala abafundisa njengangoku iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke kubaviwa beBakala 12.
2.5 Kwimeko yabamakishi abaziintloko, kufuneka ukuba babe namava njengemodareyitha, njengommakishi oyintloko okanye njengesekela-mmakishi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.
2.6 Kwimeko yeemodareyitha zangaphakathi, kufuneka ukuba babe namava njenge-modareyitha okanye njengommakishi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.

3. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi
3.1 Abenzi-zicelo mababe namabanga emfundo asemva kweSatifikethi seMatriki eminyaka emithathu (three-year post Senior Certificate qualification) namakabandakanye isifundo esifanelekileyo ubuncinane kwinqanaba lonyaka wesibini, kodwa kukhethwa ukuba ibe linqanaba lonyaka wesithathu.
3.2 Abenzi-zicelo mababe namava eminyaka emi-2 yokufundisa eso sifundo sichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12. Kukwafuneka nokuba babe bakhe basifundisa isifundo eso ngokusisigxina ubuncinane iminyaka emibini kule ilandelayo: 2009, 2010 no-2011. Kuya kukhethwa kuqala ootitshala abafundisa njengangoku iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke kubaviwa beBakala 12.

4. Iikhrayitheriya eziqhelekileyo nezisetyenziswa kubo bonke abenzi-zicelo
4.1 Abenzi-zicelo mababe senkonzweni ngokusisigxina kumaziko alungiselela abaviwa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ezisetwe liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke neziqhutywa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
4.2 Ukwenzela ukuqinisekisa umgangatho wokumakisha okwinqanaba eliphezulu nokuthintela ukuqeshwa kwabamakishi abangenalwazi ncam (incompetent markers), iSebe iWCED liya kuthathela ingqalelo ukuqeshwa kuphela kwabo benzi-zicelo abaphuma kwizikolo ezipaselwe ubuncinane ngo-70% kweso sifundo senzelwa isicelo sokumakisha.
4.3 Bonke abenzi-zicelo, kubandakanywa nabacebisi ngezekharityhulam nabacwangcisi bezekharityhulam abakhulu, baya kubhala uvavanyo lokuvavanya ulwazi abanalo (competency test) kwisifundo esenzelwa isicelo.
4.4 Abenzi-zicelo abenza isicelo sokumakisha iPhepha 2 (Literature) kwiiLwimi mababe bazifundile iincwadi baze benza uphando ngazo zonke ezo ncwadi zimiselwe ukubhalwa kwiimviwo, kungabi zezo ncwadi zifundwe ngabaviwa ezikolweni zabo kuphela. Kwimeko yeemodareyitha, ngumqathango oyimfuneko ukuba imodareyitha okanye ummakishi oyintloko abe namava njengemodareyitha, okanye ummakishi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.
4.5 Abenzi-zicelo abavakalise ukuba bajonge ukuyeka emsebenzini okanye ukuthatha umhlala-phantsi kunye nabo baya kuyiphelisa inkonzo yabo kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-30 Septemba 2011, abayi kuqwalaselwa ngenjongo yokuqeshwa njengemodareyitha, ummakishi oyintloko okanye usekela-mmakishi oyintloko, ngaphandle kwakwiimeko apho utitshala ochaphazelekayo eza kuqeshwa ngokusisigxina kwisikolo esizimeleyo kwaye uyasifundisa esi sifundo sichaphazelekayo.
4.6 Umntu osekhefini ngeli thuba liphambi kokumakisha nangethuba lokumakisha, kuya kupheliswa ukuqeshwa kwakhe njengemodareyitha, ummakishi oyintloko okanye usekela-mmakishi oyintloko. Umntu othi ekupheleni konyaka abe esekhefini iintsuku ezingaphezu kweziyi-50 naye kuya kuyekiswa ukuqeshwa kwakhe. Oku kusebenza kuzo zonke iindiidi zekhefu.
4.7 Abantu abanesizalwane (o.k.t. unyana, intombi, umnakwabo okanye umsakwabo/ udadewabo) esiya kubhala iimviwo zeNSC kwisifundo esiqwalaselelwa sona isicelo, abakufanele ukuqeshwa njengemodareyitha, ummakishi oyintloko okanye usekela-mmakishi oyintloko. Nakuba kunjalo, abantu abalolu hlobo banokwenza isicelo sesithuba sokuba ngummakishi kweso sifundo.
4.8 Abantu abanomviwa ohlala kunye nabo obhala iimviwo zeNSC, ngo-2011 kwisifundo esiqwalaselelwa sona isicelo, abakufanele ukuqeshwa njengemodareyitha, ummakishi oyintloko okanye usekela-mmakishi oyintloko. Nakuba kunjalo, abantu abalolu hlobo banokwenza isicelo sesithuba sokuba ngummakishi kweso sifundo.
4.9 ISebe iWCED liya kukuyekisa ukuqeshwa kwakhe nabani na oqeshiweyo ongayenzi ngokwanelisayo imisebenzi eluxanduva lwakhe ngalo naliphi na ithuba lokumakisha kula achazwe apha ngentla.
4.10 Isigqibo sokugqibela malunga nokuqeshwa kweemodareyitha zangaphakathi, abamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko nabamakishi sithathwa yiNtsumpa- Jikelele yeSebe iWCED.

5. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zibakhuthaze ootitshala abazanelisayo ezi mfuno zingummiselo zingentla ukuba benze izicelo zezithuba zokuba ngabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko okanye iimodareyitha zangaphakathi.

6. ISebe liya kuqesha imodareyitha yangaphakathi enye, ummakishi oyintloko omnye nosekela-mmakishi oyintloko omnye kwisifundo ngasinye esinamanani amakhulu abaviwa.

7. Ukungeniswa kwezicelo
7.1 Zonke izicelo mazenziwe kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) yaye mazihanjiswe nala maxwebhu alandelayo:

  • Ileta ehamba kunye nesicelo apho umenzi-sicelo anika kuyo izizathu zakhe zokwenza isicelo kweso sithuba.
  • Ifom ezaliswe ngokupheleleyo iDeclaration form, ikopi yayo iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo C.
7.2 Bonke Abenzi-zicelo abatsha mabaqhoboshele la maxwebhu alandelayo kwiifom zokwenza isicelo:

  • Isivi (curriculum vitae)
  • Ikopi yesazisi (ID) sakhe eqinisekisiweyo
  • Iikopi/iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo zakhe
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo
7.3 Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr M Cameron
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
4th Floor Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

Izicelo mazifike kwiSebe iWCED ungadlulanga owe-6 Meyi 2011. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane noMnu M Cameron kule nombolo yefoni 021 467 2964 okanye noMnu N Riddles kule nombolo yefoni 021 467 2992.


8. Abenzi-zicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa yaye kuya kufuneka basayine imvumelwano neSebe iWCED. Enye imbalelwano malunga nenkqubo yokumakisha iya kulandela kamva.

9. Amalungiselelo ethuba lokumakisha
9.1 Konke ukumakishwa kuya kuqhubeka kwindawo okanye kwiindawo eziseKapa okanye ezikufutshane naseKapa, njengoko ziya kumiselwa liSebe iWCED.
9.2 Imihla yethuba lokumakisha iya kuqinisekiswa kamva. Abamakishi mabaqinisekise ukuba konke ukumakisha okunxulumene nezikolo zabo nemisebenzi yolawulo igqityiwe phambi kokuqala kokumakisha.
9.3 Abamakishi balindeleke ukuba bamakishe ubuncinane iiyure eziyi-8 ngosuku. Oku akubandakanyi ixesha elibekelwe bucala lokutya nelekhefu leziphungo. Iziko lokumakishela liya kuvulelwa ukumakisha ukususela ngo-6:00 ukuya ku-22:00 yonke imihla.

10. Intlawulo yokumakisha kwiphepha ngalinye iya kwaziswa ngokukhawuleza yakuba ifumanekile kwiSebe leMfundo esiSiseko.

11. Ukumakishwa kweeMviwo zeNSC ngomnye wemisebenzi ebaluleke ngeyona ndlela kwinkqubo yoviwo. ISebe iWCED liyazingca ngokuqesha kwalo abamakishi abanolwazi nabanamabanga emfundo afanelekileyo. Ngako oko ke iinqununu namanye amagosa amakhulu anika iingcebiso ngabamakishi mazikwenze oku ngokunyanisekileyo nangentembeko (must act in good faith). Kucelwa uqaphele ukuba ukunika ingcaciso engachanekanga kwifom yesicelo kuya kuthathwa njengobuqhophololo yaye kuya kusingathwa ngokungqinelana noMthetho weNgqesho yooTitshala.

12. Kunyanzelekile ukuba iinqununu nabalawuli bezithili zemfundo, abaphathi beze-IMG nabacebisi ngezekharityhulam bazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukwenzela ukuba babenolwazi ngeekhrayitheriya zokuqeshwa phambi kokungenisa izicelo. ICandelo loLawulo lweeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaziswanga ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

13. Le fom iqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane (IsiHlomelo D) mayizaliswe yinqununu yesikolo ize ibuyiselwe kwiSebe iWCED.

14. ISebe iWCED lithembele kwintsebenziswano nenkxaso yenu kulo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:15

IsiHlomelo A: "List of NSC subjects"  (ubukhulu: 23 KB)
IsiHlomelo B: "Application Form"  (ubukhulu: 63 KB)
IsiHlomelo C: "Declaration Form"  (ubukhulu: 56 KB)
IsiHlomelo D: "Acknowledgement of receipt"  (ubukhulu: 52 KB)