1. Uphando lweSigaba seSiseko olwaqhutywa ngo-2010 ligqiza leengcali zeYunivesithi yaseStellenbosch lwanika ithuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lokuba lifumane umfanekiso obanzi wezinto ezilindelekileyo zokufunda nokufundisa kwizikolo zaseNtshona Koloni.

2. Iziphumo zolu phando zalatha ezi nkalo zilandelayo ezisafuna ukuphuculwa zokufunda nokufundisa:
2.1
2.2
2.3
2.4
 
2.5
Indlela iklasi elungiswe ngayo
Ukucwangcisa
Iindlela zokufundisa nokulindela lukhulu
Ukusetyenziswa kwezinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material)
Ukusetyenziswa kwexesha

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) laqulunqa isixhobo sokuzivavanya esinokusetyenziswa ngootitshala naziintloko zezifundo. Esi sixhobo sisekelwe kwiziphumo zophando lwethu yaye siqinisekile ukuba siya kuba luncedo ekulungiseni obu buthathaka. Sinethemba lokuba niya kusifumana siluncedo.

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane iSMT kunye nootitshala nokuba zibakhuthaze ootitshala ukuba bayisebenzise baze baxoxe nangeziphumo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:29

isiHlomelo: ISIXHOBO SOKUZIVAVANYA NGENJONGO YOKUPHUCULA IINDLELA ZOKUFUNDISA KWISIGABA SESISEKO (KumaBakala 1 - 3)  (ubukhulu: 78 KB)