1. Kwilinge lokunika inkxaso ukufundisa nokufunda ngempumelelo eklasini, iSebe leMfundo leNtshona Koloni libonelele ngale ncwadi yezifundo 'Study and Master' Numeracy textbook nesikhokelo sikatitshala kubo bonke abafundi nootitshala bamaBakala 2 no-3 kwizikolo zikarhulumente eziziiprayimari.
2. Izikhokelo zootitshala neencwadi zezifundo ziya kukhutshwa ngolwimi lwesikolo lokufunda nokufundisa.
3. Ikomiti yolawulo yesikolo ngasinye kwiSigaba seSiseko mayiqinisekise ukuba iincwadi zezifundo zoLwazi lokuBala zisetyenziswa yonke imihla ngexesha lokufundisa okanye ngeenjongo zomsebenzi wesikolo wasekhaya.
4. Iincwadi zezifundo mazisetyenziswe kunye neeshedyuli zomsebenzi zeWCED, neencwadi zemisebenzi kunye nezicwangciso zezifundo zeSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke.
5. Iincwadi zezifundo maziphathwe ngenyameko yaye zirekhodwe kwi-inventri yesikolo.
6. IsiHIomelo A esiqhotyoshelweyo sinika isikhokelo ngendlela yokusetyenziswa kwezi ncwadi zezifundo. Esi sikhokelo siya kufakwa kwiziko lewebhu leWCED apha http//curriculum.wcape.school.za
7. Abacebisi ngezekharityhulam be-ECD ne-FP baya kunika uncedo ootitshala ngokusetyenziswa kwezi ncwadi zezifundo, ukuba izikolo ziyalufuna.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo Iwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:28

IsiHIomelo A: ISIKHOKELO SOOTITSHALA NGOKUSETYENZISWA KWEENCWADI ZEZIFUNDO ZOLWAZI LOKUBALA EKUFUNDENI NASEKUFUNDISENI NGEMPUMELELO  (ubukhulu: 16 KB)