1.1 |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo ukukwazisa ukuba isikolo sakho sikhethwe yi-ofisi yesithili semfundo yakho ukuba sijoyine iphulo longenelelo ngoncedo loLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala (WCED's Literacy and Numeracy Intervention) leSigaba 2 no-3. |
1.2 |
Injongo yolu longenelelo ngoncedo:
- kukuphucula indlela abafundi abaqhuba ngayo kwiBakala 1 ukuya ku-6 kuLwazi lokuFunda nokuBhala nakuLwazi lokuBala
- kukuphucula iindlela zokufundisa (teaching practices) neemethodoloji kwezi zifundo kunye
- nokubonelela ngezibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) ukuphucula uLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala.
|
1.3 |
Olu longenelelo ngoncedo luza kwenziwa ngokwezi zigaba zilandelayo kwithuba leminyaka esi-8:
ISigaba 1 (2009-2010): Izikolo eziyi-250 ISigaba 2 (2011-2012): Izikolo eziyi-258 ISigaba 3 (2013-2014): Izikolo eziyi-250 ISigaba 4 (2015-2016): Izikolo eziyi-300
|
1.4 |
Olu longenelelo ngoncedo luya kubandakanya indlela yokufunda ngokubuyela kwizinto zakuqala (back-to-basics approach) edityaniswe neemethodoloji zokufundisa zakutshanje zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala.
|
1.5 |
Ootitshala bala mabakala baya kufumana uqeqesho olumandla mpela kuLwazi lokuFunda nokuBhala nakuLwazi lokuBala, iingcebiso nenkxaso ithuba elingaphezu kweminyaka me-2, ne-LTSM, enjengezikim zokufunda neekhithi zemathematika, zokuxhasa ukufundisa kwabo. |
1.6 |
Ukwenzela ukufikelela koku, ziyi-250 izikolo kwiSigaba 1 esele ziqeqeshiwe kuLwazi lokuFunda nokuBhala nakuLwazi lokuBala yaye sele ziza kuligqiba iphulo loqeqesho lazo engadlulanga uJuni 2011. Ezi zikolo ngoku ziya kufumana inkxaso kwizithili zemfundo zazo. |
2. |
UKUBONELELWA NGEZIKIM ZOKUFUNDA (READING SCHEMES) ZAMABAKALA 1-6
|
2.1 |
Iincwadi zokufunda (reading materials), ezikhethwe ngobuchule, ziya kunceda bonke ootitshala ukuba bafundise ngempumelelo ukususela kumaBakala 1 ukuya ku-6. Umfundi ngamnye uya kuba nezibonelelo zokufunda ukufunda, zokufunda ngenjongo yokufumana ulwazi nokufundela ukuzonwabisa. |
2.2 |
Ziyacelwa Iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba iincwadi zokufunda eziza kunikwa izikolo zazo ziyarekhodwa kwi-inventri yestokhwe sesikolo, ziyasetyenziswa yaye zilawulwa ngenyameko, nokuba ziyathathwa zonke kubafundi ngamaxesha afanelekileyo. Kubalulekile ukubala istokhwe rhoqo yaye ukuzilungisa nokuthenga ezinye endaweni yezimoshakeleyo kuya kuba luxanduva lwesikolo. |
2.3 |
Iincwadi zokufunda ziya kusiwa ngolu hlobo lulandelayo:
Ulwimi lokufunda nokufundisa lwesikolo (LOLT) |
Izikim zokufunda zoLwimi lwaseKhaya |
Umpapashi |
AmaBakala |
English |
Oxford Reading Tree Oxford Tree Tops |
Oxford University Press Oxford University Press |
1 - 3 4 - 6 |
Afrikaans |
Storieboom Stamstories |
Oxford University Press Oxford University Press |
1 - 3 4 - 6 |
Xhosa |
Sigalelekile |
Nasou Via Afrika |
1 - 3 |
Xhosa & English |
Stars of Africa |
Maskew Miller Longman |
4 - 6 |
Ulwimi lokufunda nokufundisa lwesikolo (LOLT) |
Izikim zokufunda zoLwimi loKuqala oLongezelelweyo |
Umpapashi |
AmaBakala |
Xhosa |
'Talking Stories' Readers are Leaders |
Macmillan |
1 - 3 |
|
2.4 |
Iklasi nganye iya kufumana iphekhi enye ngokwelo bakala, ngokolwimi lokufunda nokufundisa (LOLT). Iiklasi ezinamabakala amaninzi (multigrade classes) ziya kufumana iphekhi enye kwibakala ngalinye kuloo klasi. |
2.5 |
Okuqulethwe yile phekhi koku kulandelayo:
- Iphekhi yeSigaba seSiseko: Iincwadi ezinkulu (AmaBakala 1 no-2), iincwadi zokufunda ngokwamabakala zebakala ngalinye, iziqwengana zezivakalisi (sentence strips), amakhadi amagama (word cards) ootitshala nabafundi, iilisti zesigama (vocabulary lists), isikhokelo sikatitshala esingokusetyenziswa kweencwadi zokufunda kunye ne-inventri.
- Iphekhi yeSigaba esiPhakathi: Iincwadi zokufunda eziziindidi ngeendidi ngokwamabakala zebakala ngalinye ukukhuthaza ukufundisa ngamaqela (group teaching) nokufunda ngamaqela (group reading), iilisti zesigama zootitshala nabafundi, isikhokelo sikatitshala esingokusetyenziswa kwezikim zokufunda, kunye ne-inventri.
Isikhokelo sikatitshala ngokusetyenziswa kweencwadi zokufunda siya kufakwa kwiziko lewebhu leWCED. Ukongeza, isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sinika ingcebiso eluncedo ngokuba zisetyenziswa njani na iincwadi zokufunda ukuze kufundiswe ngempumelelo.
I-inventri mayisetyenziselwe ukungqinisisa okuqulethwe yiphekhi nganye yakuba ifikile, yaye mayifakwe istampu ukuba ifunyenwe ichanekile.
|
2.6 |
Lo gama ukusiwa kwazo kuya kuqhubeka kwikota yokuqala ka-2011, imiba emalunga noqeqesho nokunikwa inkxaso kweli phulo longenelelo ngoncedo, iya kuqhubeka kamva. Iinkcukacha ziya kulandela ngenye ingcaciso emfutshane yeSebe iWCED. |
2.7 |
Makwenziwe konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba iincwadi zokufunda ziya kuhlala zikwimeko esemgangathweni onguwo xa kuqala uqeqesho nenkxaso kwithuba lonyaka omnye okanye emibini. Abacebisi ngezekharityhulam baya kubanako ukunika uncedo okwethutyana, ukuba izikolo ziyalufuna. |
3. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:03:30
|
|