1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kubonelela ngeencwadi kuzo zonke izikolo ezifundisa ngesiXhosa nangesi-Afrikansi ezithatha inxaxheba kwiSigaba 1 sephulo leLIT/NUM Intervention.
2. Utitshala ngamnye/iklasi nganye iya kunikwa iincwadi ezikhethiweyo (ezingemiba engeyonyani neyinyani (fiction and non-fiction)) neziya kunikwa amabakala ngolu hlobo lulandelayo:

IBakala 1=30 iincwadi kwiklasi nganye
IBakala 2=30 iincwadi kwiklasi nganye
IBakala 3=20 iincwadi kwiklasi nganye
IBakala 4=23 iincwadi kwiklasi nganye
IBakala 5=22 iincwadi kwiklasi nganye
IBakala 6=26 iincwadi kwiklasi nganye

3. Ipasela nganye iya kuba nelisti yeetayitile, kwakunye neengcebiso ukuncedisa ootitshala ukuba bazisebenzise ngempumelelo ezi ncwadi eziklasini. Zakufika iipasela ezinezi ncwadi, mabatshekishe ngenyameko okungaphakathi kuzo, incwadi nganye mayifakwe istampu sesikolo, zize zirekhodwe kwi-inventri yesikolo.
4. Ezi ncwadi zinikwa ezi zikolo ngenjongo yokuphucula ukusetyenziswa kwesiNgesi njengolwimi lwesibini ngokuthi kufundelwe ukuzonwabisa. Oku kuthetha ukuba ezi ncwadi zinokusetyenziswa ekufundeni ngethuba lesiqingatha seyure yokufunda, nangethuba lokubaliswa kwamabali okanye xa umfundi efunda ekhaya.
5. Ezi ncwadi azinakuthatha indawo yeencwadi zokufunda eklasini, kodwa ziya kukuphucula ukufunda okuqhubeka eklasini. Iincwadi mazigcinwe kakuhle. Ukungcitywa kwezikrazukileyo okanye ukuthengwa kwezinye endaweni yezimoshakeleyo kuya kuba luxanduva lwesikolo njengoko iSebe iWCED lingayi kuthenga ezinye iincwadi endaweni yezimoshakeleyo kwithuba leminyaka emi-3 ukuya kwemi-5 ezayo.
6. Iinqununu maziqinisekise ukuba kugcinwa i-inventri yazo zonke ezi zibonelelo zikhutshwa liSebe iWCED nokuba iyasebenza inkqubo engqongqo yokubuyiswa kwazo ngabafundi (strict retrieval system).
7. Lo gama ukusiwa kwazo kuya kuqala ngoFebruwari 2011, ootitshala baya kunikwa kamva inkxaso emalunga nokusetyenziswa kwezi ncwadi, yaye iinkcukacha zoku ziya kulandela. Okwakalokunje, kucelwa ufunde esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo ukufumana iingcebiso ngokufundela ukuzonwabisa eklasini ngendlela enenzuzo.
8. Ukuba izikolo zifuna inkxaso engaphezulu, banako ukuzinceda abacebisi bezekharityhulam ye-ECD/FP.
9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:03:30

IsiHlomelo A: IINGCEBISO MALUNGA NOKUFUNDELA UKUZONWABISA NGENDLELA ENENZUZO EKLASINI YAKHO
(ubukhulu: 16 KB)