1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liza kubonelela zonke izikolo ngeekhithi zemathematika eziyinxalenye yephulo longenelelo ngoncedo i-LIT/NUM leSigaba 1.
2. Utitshala ngamnye/iklasi nganye ukuqalela kwiBakala 1 ukuya ku-6, iya kunikwa iikhithi zemathematika ezinezinto-yinto ezifanekileyo zokusetyenziswa ekufundiseni imathematika.
3. Zakuba zifikile ezi khithi, makutshekishwe okungaphakathi kuzo, kufakwe izitampu kuze kurekhodwe kwi-inventri yesikolo.
4. Bayakhuthazwa ootitshala nabafundi ukuba babe nolwazi ngokuqulethwe zezi khithi nokuba bazisebenzisele ukuphucula ukufundisa imathematika.
5. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sinika ilisti yokuqulethwe yikhithi nganye enikwa iSigaba seSiseko neSigaba esiPhakathi.
6. Iinqununu maziqinisekise ukuba kugcinwa i-inventri ekurekhodwe kuyo zonke izibonelelo ezibonelelwa liSebe iWCED nokuba makubekho umgaqo-nkqubo ongqongqo osebenzayo wokubuyiswa kweencwadi ngabafundi (retrieval policy).
7. Ziyacelwa izikolo ukuba ziqinisekise ukuba ziyasetyenziswa ezi khithi zemathematika kwaye ziphathwa ngenyameko njengoko kungayi kuthengwa ezinye endaweni yazo kule minyaka mi-3 ukuya kwemi-5 izayo. Ukulungiswa nokuthengwa kwezinye endaweni yezimoshakeleyo kuya kuba luxanduva kwesikolo.
8. Lo gama ukusiwa kwazo kuya kuqhubeka ukususela ngoFebruwari 2011 ukubheka phambili, uncedo oluza kunikwa ootitshala malunga nokusetyenziswa kwezi khithi, luya kubonelelwa ngabaqeqeshi beZiko leMathematika (Maths Centre trainers) kunye/okanye xa amagosa ezithili zemfundo etyelela izikolo. Kuya kulindeleka ukuba ezi khithi zihlale zikwimeko entle nesemgangathweni ngethuba lokunikwa koncedo.
9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
UMLAWULI OYINTLOKO WEZOPHUHLISO LWEKHARITYHULAM
UMHLA: 2011:03:31