1. Njengoko usazi, isikolo sakho sikhethiwe yi-ofisi yesithili semfundo sakho njengesinye sezikolo eziyi-258 eziza kuthatha inxaxheba kwiSigaba 2 sokuqaliswa kwePhulo lephondo ngokubanzi i-Lit/Num Intervention.

2. Ukuza kuthi ga ngoku, sele kubanjwe iiseshoni zengcaciso ezibanzi kuzo zonke izithili zemfundo (Isithili iMetro South sicwangciselwe iKota 2), ezazisa amagosa ezithili zemfundo neekomiti zolawulo lwezikolo ngemihlaba eza kufikelelwa nenzuzo eza kufunyanwa kweli phulo le-Lit/Num Intervention.

3. Le ngcaciso imfutshane yazisa zonke izikolo ezikwiSigaba 2 ngoqeqesho olunzulu (in-depth training) kuLwazi lweLitiresi/uLwimi nokuBala oluza kwenziwa lwabo bonke ootitshala abafundisa iLitiresi/uLwimi nokuBala kumaBakala 1 - 6 ngo Juni-Julayi 2011. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba ziyigcinele lona le mihla yoqeqesho inikwe izikolo ezo okwethutyana. (Makufundwe ishedyuli yoqeqesho eqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.) Uqeqesho luya kuqhubeka iintsuku ezintlanu, ukususela ngo-08:00 ukuya ku-16:30 ngosuku ngalunye. Iindawo zoqeqesho nezinye iinkcukacha ngoqeqesho ziya kuqinisekiswa kwakamsinya ngeleta eya kulandela eya kuzo zonke izikolo ezichaphazelekayo.

4. Ziyacelwa izikolo ukuba zinike amagama abo bonke ootitshala abaya kubakho kolu qeqesho, yaye zithathele ingqalelo oku kulandelayo:
4.1 Izikolo ezikhethwe njengeZikolo zoLwazi lokuFunda nokuBhala (Literacy schools) mazidwelise bonke ootitshala beSigaba seSiseko (AmaBakala 1-3) nootitshala bonke beSigaba esiPhakathi abafundisa Ulwimi (AmaBakala 4 -6).
4.2 Izikolo ezikhethwe njengeZikolo zoLwazi lokuBala (Numeracy schools) mazidwelise bonke ootitshala beSigaba seSiseko (AmaBakala 1-3) kunye nabootitshala beSigaba esiPhakathi (AmaBakala 4-6) bafundisa iMathematika kuphela.

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) zize ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili semfundo esichaphazelekayo olapha ngezantsi engadlulanga uLwesine we-21 Apreli 2011:

IZithili Umququzeleli weGET Inombolo yefoni Idilesi ye-imeyili Inombolo yefeksi
ISithili i-Metro Central Avrille Morgendal 021 673 1312 amorgendal@pgwc.gov.za 021 671 1318
ISithili i-Metro North Geoffrey Figaji 021 938 3000 gfigaji@pgwc.gov.za 021 938 3184
ISithili i-Metro South Fadli Wagiet 021 370 2041 fwagiet@pgwc.gov.za 021 372 1856
ISithili i-Metro East Ursula Esau 021 900 7051 uesau@pgwc.gov.za 086 556 9519
ISithili iWest Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 epeck@pgwc.gov.za 021 872 5394
ISithili Overberg Edgar Johannes 028 214 7359 eajohann@pgwc.gov.za 028 214 7400
ISithili iCape Winelands Malefo Makena 023 348 0605 mmakena@pgwc.gov.za 086 657 7632
ISithili i-Eden & Centra Karoo Seymour Bothman 044 803 8326 sbothman@pgwc.gov.za 086 555 3085

6. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa ungathandabuzi uqhagamshelane nomququzeleli we-GET wesithili semfundo sakho.

7. ISebe iWCED lijonge ngethemba ekuthatheni inxaxheba kwesikolo sakho kweli phulo le-Lit/Num Intervention njengenyathelo elinika ithemba kulo mngeni sijongene nawo wokuphucula amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala nokuqinisekisa ukuba bonke abafundi banako ukufunda, ukubhala nokubala kumanqanaba ekulindeleke kuwo oko.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:03:30


Literacy / languages
isiHlomelo A: "Venues and schools for literacy / languages training"  (ubukhulu: 15 KB)
isiHlomelo B: "Registration for literacy / language training"  (ubukhulu: 17 KB)

Numeracy / mathematics
isiHlomelo A: "Venues and schools for numeracy / mathematics training"  (ubukhulu: 15 KB)
isiHlomelo B: "Registration for numeracy / mathematics training"  (ubukhulu: 17 KB)