1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livelise incwadana enemifanekiso ukunceda ootitshala ukuba baqhube izifundo ezinika umdla kwiPhysical Education. Le ncwadana ihamba kunye nesethi epheleleyo yezicwangciso zezifundo zamaBakala 1 - 9 kunye neDVD enemiboniso eboniswayo (visible demonstration) yeendlela zokufundisa iPhysical Education.

2. Isikolo ngasinye siya kufumana isethi ibe nye yezinto zokufundisa iPhysical Education. Kufuneka ikotshwe ize inikwe ootitshala bamaBakala 1 - 9.

3. Zimele ukusetyenziswa njani izinto zokufunda
3.1 Le ncwadana inemisebenzi elungiselelwe ubudala babafundi kumaBakala 1 - 9. Ootitshala bangayisebenzisa le misebenzi ekwenzeni izicwangciso zeeprogram zabo zePhysical Education.
3.2 Le ncwadana inemizobo emininzi ebonisa iintshukumo zomzimba ezicetyiswayo. Ootitshala banokuyikopa baze bayandise imifanekiso, baze ke bayisebenzise ekufundiseni abafundi ezo ntshukulo kuqalwa ngazo zahlukeneyo (different starting positions), iindlela zokuma komzimba (body positions) nesigama (terminology)esisetyenziswayo kwiPhysical Education.
3.3 Le ncwadana ikwanecandelo lethiyori ekusekelwe kuyo iPhysical Education. Ootitshala abangafumananga luqeqesho kwiPhysical Education bayacetyiswa ukuba bafunde imigaqo yokuzivocavoca namanyathelo okulumkela izinto ezithile ukuthintela ukwenzakala kubafundi.
3.4 Ootitshala abangafumana luqeqesho kwiPhysical Education baya kufumana ukuqeqeshwa ngethuba lokuqaliswa kweeNkcazo zeKharityhulam kaZwelonke noMgaqo-nkqubo woVavanyo (National Curriculum and Assessment Policy statements) ukuqalela ku-2012.
3.5 Le ncwadana ineeprogram zezifundo zeeveki eziyi-40 zamaBakala 1-9. Ezi program mazithathwe njengesikhokelo seeprogram ezinomdla nezahluka-hlukeneyo, nezinika izinto ongazenza ngeveki, ngekota nangonyaka. Ootitshala bangasebenzisa ezi program njengesiseko seeprogram zabo zePhysical Education baze bazitshintshe apha naphaya ukwenzela ukuba zilungele iimeko zabo zokufundisa.
3.6 I-DVD ehamba kunye nencwadana inika iintlobo ezahlukeneyo zeenkqubo zokufundisa ize kwakhona ijongane nemingeni ootitshala abajongana nayo eziklasini zePhysical Education.

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bePhysical Education.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:02:28


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).