1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), libambisene nonike isipho-mali (donor), liya kuqhuba ukhuphiswano olunjongo ikukukhuthaza abantu abatsha ukuba bafundele ukuzonwabisa.
2. Ootitshala bakhetha abafundi aba-6 kwiklasi nganye yeeklasi zabo zeBakala 6 ukuba babe ziinkokeli ezingabameli beprojekthi ye-Inspired to Read Project. Kucetyiswa ukuba utitshala makaqale abuze iklasi ukuba ngoobani na abanqwenela ukungenela ukhuphiswano aze ke akhethe abona bafundi batshatsheleyo ngesakhono sokufunda. Kodwa ke, utitshala angakhetha umfundi abe mnye okanye babe babini abangenabuchule kakhulu bokufunda aze abanike inkxaso ekufundeni.
3. Amagama abafundi abakhethiweyo makathunyelwe kuNks Lungi Ngondo kule nombolo yefeksi 467 9369 kwiCandelo loPhuhliso lweKharityhulam yeGET ungadlulanga uLwesihlanu we-11Februwari 2011. Zakufika iincwadi kwizikolo ezichaphazelekayo mazinikwe aba bafundi bakhethiweyo.
4. Abafundi abakhethiweyo banenani elithile leentsuku zokufunda incwadi yonke. Oku kuthelekelelwa ukuba kungaba ngamaphepha ali-12 ngosuku. Emva kwesigaba sokufunda ngasinye umfundi wabelana neklasi yakhe yonke ngeembono anazo ngencwadi leyo. Abafundi abakhethiweyo baya kubhala kwakhona isishwankathelo esingadlulanga kumagama ayi-500 ngaloo ndawo bacinga ukuba yeyona bayithande kakhulu encwadini nekufuneka ikhatshwe ngumfanekiso weLibris (isiqithi esikwilizwe lasentsomini). Zombini, isishwankathelo kunye nomfanekiso, mazibe kumaphepha angu-A4 ubukhulu aze aqhotyoshelwe kunye. Kuvumelekile ukuba kusetyenziswe nayiphi na imibala.
5. Utitshala makaqokelele i-asayinimenti emva kokugqitywa kwesigaba ngasinye aze ayigcine de zibe zonke izigaba zokufunda nee-asayinimenti zigqityiwe. Zonke ii-asayinimenti mazithunyelwe kwinqununu yesikolo, eya kukhetha eyona asayinimenti igqwesileyo, neya kuthi mva koko, ithunyelwe kwicandelwana lophuhliso lweKharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo, neya kuthi iyithumele kuNdlunkulu weSebe iWCED ukulungiselela ukuvavanywa ngabagwebi. Kucelwa uqaphele ukuba amangenelo azo zonke iinkokeli zeprojekthi zo-6 makathunyelwe kwiSebe iWCED, adlule kuqala kwi-ofisi yesithili semfundo, apho ke amangenelo ezikolo ezigqwesileyo nalebhelishwe ngokucacileyo abekwa ngaphezulu.
6. Ukuba kukho nayiphi na ingcaciso engaphezulu efunekayo, kucelwa uqhagamshelane nalo liam@thewhitequill.co.za okanye nomququzeleli weGET kwi-ofisi yesithili semfundo yakho.
7. Kuya kukhutshwa la mabhaso alandelayo:

Umfundi obekwe kwindawo 1 - Amazon Kindle wireless e-book reader
Utitshala obekwe kwindawo 1 - Laptop netbook
Isikolo esibekwe kwindawo 1 - Desktop computer

8. Imihla ebalulekileyo

Umhla Okwenziwayo Umhla Okwenziwayo
31 Jan -
10 Feb
Iincwadi zisiwa ezikolweni 11 Feb Utitshala ukhetha abafundi abayi-6 aze amagama abo athunyelwe kuNdlunkulu weSebe iWCED
14 - 17 Feb Incwadi zinikwa abafundi abakhethiweyo 18 Feb Kwenziwa inkcazo-ntetho
19 Feb -
13 Matshi
Isigaba sokuqala sokufunda --Umfundi 1 ufunda incwadi 14 Matshi Umfundi wenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yakhe eklasini (Utitshala uqokelela i-asayinimenti)
15 Matshi -
17 Apreli
Isigaba sesibini sokufunda - Umfundi 2 ufunda incwadi 18 Apreli Umfundi wenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yakhe eklasini (Utitshala uqokelela i-asayinimenti)
19 Apr -
9 Meyi
Isigaba sesithathu sokufunda - umfundi 3 ufunda incwadi 10 Meyi Umfundi wenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yakhe eklasini (Utitshala uqokelela i-asayinimenti)
11 - 31 Meyi Isigaba sesine sokufunda - Umfundi 4 ufunda incwadi 1 Juni Umfundi wenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yakhe eklasini (Utitshala uqokelela i-asayinimenti)
2 - 21 Juni Isigaba sesihlanu sokufunda - Umfundi 5 ufunda incwadi 22 Juni Umfundi wenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yakhe eklasini (Utitshala uqokelela i-asayinimenti)
19 Julayi -
10 Agasti
Isigaba sokufunda sesithandathu - Umfundi 6 ufunda incwadi 11 Agasti Umfundi wenza inkcazo-ntetho ngeprojekthi yakhe eklasini (Utitshala uqokelela i-asayinimenti) Zonke ii-asayinimenti zinikwa inqununu
12 Agasti Inqununu ikhetha eyona projekthi igqwesileyo ukulungiselela umjikelo wokugqibela wovavanyo lwamangenelo ngabagwebi
15 - 19 Agasti Onke amangenelo athunyelwa kwii-ofisi zezithili zemfundo 22 - 24
Agasti
Kuthathwa amangenelo kwii-ofisi zezithili zemfundo
25 Agasti -
2 Septemba
Umjikelo wokugqibela wovavanyo lwamangenelo ngabagwebi 8 Septemba USuku lwaMazwe ngaMazwe loLwazi lokuFunda nokuBhala (International Literacy Day) -Kubhengezwa abaphumeleleyo


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:01:25